Masihleke noManono

Yhazi boobhuti ndisuke ndanexhala, kulant’ba neza necebo lokugqula okanye ukuplita ngemali nayeka ukuplita ngomlomo, ufike indoda iveza ikhadi lale ndawo isebenza kuyo xa iplita, nathi ke shem sazibetha ncaa sana ngezisu kuni saphelela kuba sitsalwa yimali. Phofu ke ngoku seyi kwanini ngoku enisibiza ngamagama kuba nisithi sithanda imali, niyalibala ukuba sayifundiswa nini.

Oomama bethu ngee-50s babengagqulwa ngamali, babe zingenela nje kamnandi eluthandweni kuba betsalwe luthando .

Ngoku nasi isimanga, ingathi loo mali yenu iyaphelelwa, phofu andazi nokuba iphelelwa lixabiso okanye iphuma kwifashoni mntase, qha ikhona into eyenzekayo noba ayiphelelanga vha?

Ingathi kwiminyaka emithathu ezayo ubhuti xa ezokuplita kuza kufuneka eze ethwele iwardrobe egcwel’ iimpahla okanye eze nebhedi entsha eseyondlulwe yaphelela, okanye eze eqhuba imoto yalo mntu azoku mplita okanye iteletele yakwaSpar ingene ihamba ngomva isindeka kukutya, niyijongile le nto?

Ingathi kuseza kuba nzima mtakaGwede kuni yeva? Ewe kaloku ikwanini eneza necebo lokuplita ngemali, ngoku sidikiwe kwakukudala ngoko nisihlalise emalini, mazijik’izinto ngoZonke Dikana bekukudala ngoko. Nisiplita ngemali iyaphela nokuphela nale mali yenu, yizani nento ebambekayo qha ngoku.

Mamelani ke boobhut’bhabha, nalapho ekuvunyweni kuza kuxhomekeka ekubeni ulwenzile uphando ngam kuqala na. Ukuba ndithanda ntoni, andithandi ntoni okanye uqale wandilandelela bucala na, wandibona ukuba ndinxiba ntoni, andinxibi ntoni, kuba kungenzeka ujike nayo naloo wardrobe yakho kwaye iyabambisa newardrobe egcwele impahla endingazinxibiyo bhuti. Ufuna ukuhlekisa ngobani esitalatweni?

Ibambise nale yokuba uze nemoto endingayithandiyo ube uzo kundihlekisa ngeetshomi zam. Hay’bo uyisaphi iToyota Tazz mna ndibe ndifuna iJeep Cherokee?

Kanti naloo teletele yakwaSpar ingaphindumva xa iphethe izinto endingazityiyo, ufuna kutyebe bani? Yho uyavuya shame! andityi nantoni na mna mtakaTrump.

Iza kuninceda eyokwenza uphando kuqala boobhuti! AYEYE!