Masihleke noManono

Hee bantase! Bendingasonwabe ngoLwesihlanu sana siphiwe iholide singaphangelanga ngenxa yale nto kamongameli, andikhathalele nokuyazi ukuba ibiyintoni na kakade lo nto ibisenziwa ngoLwesihlanu, kodwa ibifake umongameli phakathi.

Mna ndivuke ngoLwesihlanu ekuseni ngentsimbi yesibini, ndakhupha zonke iimpahla zam ndadudla ivasi mtakaTrump kwaba k’sasa vha? Bendifuna lithi liphuma ilanga ndibe sendiphole kuKop Khuse ngesishoqolo sekomityi yam yeti iJoko.

Hayi wethu ezinye izinto ziyadika kwaye azifuni kufakw’engqondweni, jonga ngoku igenge ebikwimatshi yokwehlisa umadala esihlalweni ivuke ilila ngoMvulo kuba iindaba zentsimbi yesithandathu ekuseni noThandile Skeyi bezisathi “umadala usengumongameli”, besiphi ke ngoku isidingo sokuba abantu bakhwaze bagximfize umhlaba kaThixo norhulumente, xa umadala esesihlalweni nanamhlanje?

Yile nto ke mna bendibagibisele ngamatye, ndibafunze nango-Instagram inja kameza xa begqitha becula egeyithini kwam, suka sibe sizidub’ingqondo apha ngokuza kukanxele.

Mna ndiyamazi uTAR Mongsta sana, kwaye ndiqinisekile ebehleli kwakhe enxibe ipijama nezihlangu zokuvuka ebukele umabonakude ephatha kuncuma, ahleke lantsini yakhe “He he he heeee abangazi kahle laba bangizwa ngendaba!”

Yiba nomfanekiso ke sana xa sele esenza ezazimbo zakhe ehleka egeqezisa lantloko yakhe engeva noba umoya uvela ngapha okanye ngaphaya (ekhomba macala) niyandifumana moos?

Ukuqina kwemini ndiqonde makhe ndikrobe ngapha ngasedolophini, ndiyokubona ukuba ezikaMangosuthu ziziphethe njani izitalato.

Hayi sana ndifike zikhipha ntanga vha? Ibingu qhuu saaaaaaaa abantu begcwele izitalato beleqwa ngamapolisa ngemikhonto, izabile, namazembe “He he heee ngithe abangazi kahle laba bangizwa ngendaba, mina nginamehlo kuzo zonk’indawo zala eMzantsi, uMzantsi ngiwuphethe nge-remote control” heeee! sana kuvele kwathi thaa lo mazwi kaMadal’ uGedla engqondweni yam xa ndifika kula dolophu inguqhuu saaa.

Andibanga sabuza ke sana ndidle phantsi ngesikaCastor isantya, bese kuphume naloo maquza ezinyaweni, iilokhwe ndiziwola entloko kungabuzwana vha? Hayi bezikhipha ntanga, ubaba usengumongameli nanamhlanje (Ethwelizandl’entloko efun’ukulila)…