Masingambetheleli ngokwethu emnqamlezweni uMprofeti Omotoso

AYIKUKO okokuqala kuthethwa kakubi ngomntu ongumfundisi kusithiwa wenze izinto ezimanyukunyezi, kwaye kungagqityeliswanga. Amaphephandaba, oonomathotholo, noomabonakude bazele zizinto ezikumila kunje ngabefundisi.

Ndiyacinga ukuba niyandazi ndithetha ngantoni, kodwa ke hleze kuthi kanti ungumhambi eJerusalem, mandikubalisele. Isizwe siyanyikima zizinto ezityhilwe yinkqubo kamabonakude * -Special Assignment – neze namangqina atyhola uMfundisi * -Timothy Omotoso ngokwenza inkohlakalo emanyukunyezi kubantwana abangamantombazana. Ezi zityholo zithi yiminyaka lo ka-Omotoso ezithaphulela ngolu hlobo kubantwana besi sizwe.

Nanjengomntu okholwa kukuwusezela umoya ukuba ubheka ngaphi phambi kokuba ahlomle, ndiqwalasele oku kwingxolo eyenziwa ngabantu kwiminatha yonxibelelwano: Amalungu ebandla lika-Omotoso ayamkhusela umfundisi wawo, lo nto esebenzisa amazwi arhabaxa mpela amanye. Amanye amakholwa, angengawo amalungu ebandla lalo mfo, athi ungumprofeti wobuxoki. Uninzi olungekho kuyo le nkolo yobuKrestu luyijonge ngogonyamelo le nyewe besithi kakade zizingcoli zokugqibela abefundisi.

Ayiko kokuqala izityholo ezikumila kunje zivela ngalo kaOmotoso, nto nje bezisoloko iyinto engathi yintlebendwane phakathi kwamakholwa. Kuthe emva kwesa siqendu sika-Special Assignment kwavela abantu abaninzi kwiminatha yonxibelelwano abathi le nto ithethwa ngalo mfo yinyani, abanye becaphula kumabali abo ngale ndedeba. Bavelile ke nabanye bemkhusela, besithi lo mfo ngowakwaThixo kwaye mininzi imimangaliso eyenziwe ngezandla zakhe. Oko ke ingunam nawe kuxambuliswana ngobumsulwa bale nkokheli.

Eyona nto mna indenza ndingakhethi nokuba leliphi icala kule nyewe yeyokuba kukho uphando oluqhutywayo ngooKhetshe (Hawks) ngezi zityholo. Olu phando luneenyanga ezine luqhuba, ithi lo nto abasemagunyeni banabo ubungqina obuthile ngalo mfo.

Nokuba uOmotoso lo singamkhusela ngamazwi ethu, umthetho wona uzakudlala eyawo indima. Nokuba sinokumbethelela emnqamlezweni ngemilomo yethu, okusalayo umthetho uzakudlala indima yawo. Sonke asiyazi ukuba olu phando ngakulo mntu luza kuzala nkomo ni na.

Yonke ke le meko iveza usizi olugqubayo emabandleni ethu, apho inkokeli ikhonzwa ingathi inguThixo ngenkqu. Ubone ukuba wena ukuba awuyixhasi lendlalo yabo kuthiwa uzakufa. Yima, ndizakubulawa ngubani? NguThixo?

Hayini sanukusilahlekisa apha. Phofu ke uyakumbona lo ngqayimbane womfundisi emane ebizwa ngo-Daddy okanye ngo-Papa kwazezintsizana zimlandelayo.

Kutheni kunje? Ingaba sesisonqena olo hlobo na ukuzifunela uThixo ngokwethu ngokwendlela yeziBhalo ezingcwele? Sesifuna undlela lula oza nemimangaliso? Ukuba kunjalo sisezakulahlekiswa sijulwe ngapha nangapha ngoo-Daddy ke abo.

Masikhe siyibekele ecaleni eyokuba lo mntu utyholwa ngezi zinto uyintoni umsebenzi wakhe, sikhe simjonge njengomntu oyindoda nje jwi. UMzantsi Afrika lilizwe elingakukhuthaziyo ukuxhatshazwa kwabantwana nabantu basetyhini, ithi lo nto ezi zityholo zibekwa kulo ka-Omotoso azifuni ukuhlekelwa tu. Nokuba unetyala nokuba umsulwa kufuneka umthetho siwuyeke udlale indima yawo sithule thina sithi cwaka. Endaweni yokuba abo bathi liyinyani eli babe bebhala ngayo kwiminatha yonxibelelwano, mabaze nobo bungqina babo kwabomthetho khona ukuze kuphandisiswe ngalo mba.

Umntu makangakhuselwa kuba eyinkokeli, kananjalo makangacinezelwa kuba engusaziwayo othile.

Ndiyayibona le kaSpecial Assignment into, kodwa mna awam amehlo asekubeni uphando looKhetshe ngakule nkokheli luzakuhamba luphele phi na. Uninzi lwabantu lunexhala lokuba le nkokeli izakuqhwesha ibuyele eNigeria, kwaye ukuba ithe yenzeka lo nto kuzakuba nzima ukuba lo mfo ajongane namatyala azakuthweswa wona ukuba akhona.

Isithethi ke sooKhetshe sivele lubala siyicacisa ukuba bamjonge ngeliso lokhozi akukho kuqhwesha.

Masithule ke sijonge kwabasemthethweni, sikhe sime ukuzenzela iinkundla zamatyala zabucala.

Umthetho mawudlale indima yawo, aze onobungqina asondele ngaphambili. Ingalo yomthetho inde, akukho kuyizimela naphakade.