Masitshintshe indlela esiwujonga ngayo umhlaba

OBESAKUBA nguMongameli weli lizwe uThabo Mbeki ukhe wothusa ilizwe kutsha nje esithi unemali eziiponti ezintlanu (R10) kuye epokothweni angayinika nabani na umntu ongummi woMzantsi Afrika onolwazi lomntu ofundele izibalo (Mathematics) eYunivesithi kweli abe kwelinye icala engumfama.

Ngethuba ethetha oku uMbeki, akukho namnye umntu owaphakamayo kuloo ndibano, nto leyo ebhentsisa elubala ukuba akekho umntu ololo hlobo.

UMbeki wenza umzekelo ngeqela lamadoda amahlanu aseZimbabwe afundele (graduates) izibalo nenzululwazi (physics). Ngeempelaveki, la madoda achitha ixesha lawo kwifama ayifumana sele ingasetyenziswa eMalmesbury eNtshona Koloni, kwaye enza ingeniso ngayo. “Oku kungenxa yento yokuba abantu baseZimbabwe umhlaba bawujonga ngenye indlela eyahlukileyo kuthi apha eMzantsi Afrika,” kwatsho uMbeki.

Umhla nezolo sipapasha amabali abantu abakhalaza ngezindlu, intswelo-ngqesho ubuninzi becala. Ewe kulungile ukupapasha la mabali kuba aphuma kuluntu, kwaye luxanduva lwethu ukupapasha ezo ndaba.

Kodwa xa sinokuze sifunde into enye okanye ezimbini kwindlela abakhathalele ngayo umhlaba abantu baseZimbabwe, singazuza lukhulu.

Abantu baseMzantsi Afrika, ubuninzi babo, bakhetha imali kunomhlaba buqu xa kufika ixesha lokubuyekezwa komhlaba. Maxa wambi abantu basonga izandla bajonge enkalweni befuna izixhobo zokulima kurhulumente xa benawo umhlaba. Umbuzo ke ngowokuba kutheni abantu baseZimbabwe bewuxabise ngolu hlobo umhlaba?

Umhlaba ngundoqo kuphuhliso loqoqosho lwelizwe. Yiyo nale nto abacinezeli bathi baqinisekisa ukuba boxutha umhlaba kwisiwe esintsundu. Babeyazi ukuba xa benze oko, abantu abamnyama bazakusokola emva koko bahambe becela umsebenzi.

Xa abantu abamnyama beli lizwe befuna ukuthabathela ngakubo uqoqosho, mabaqale batshintshe indlela abawujonga ngayo umhlaba.