‘Masiyekwe silobe iintlanzi neembaza zethu’

ABAHLALI baseMpuma Koloni abakwimimandla egudle unxweme bathi abayikholelwa ukuba urhulumente wentando yesininzi angabakhonkxa abashiye belamba kodwa baneentlanzi kwiindawo abahlala kuzo.

Bethetha phantsi kombutho wabo iCoastal Links South Africa, ngethuba bebambe umngcelele eMonti kule veki, aba bahlali kudala bethenjiswa ngurhulumente ngamalungelo okuloba kodwa akude kucace nto.

“Endaweni yokufumana amalungelo okuloba, urhulumente uyasigxotha kwimimandla egudle unxweme. Into engasivisi kamnandi kukuba sigxothwa kumhlaba wookhokho bethu,” uHarvey Ntshoko ongusihlalo weCoastal Links eMpuma Koloni.

UNtshoko uthi kwilali yakhe enolwandle, kuNombanjana kuCentane, babone sele kusithiwa kuza kwenziwa uphuhliso ngakunxweme lwabo kungakhange kuthethwe nabo.

Ngenxa yolu phuhliso, athi uNtshoko luqhutywa ngumasipala waseMnquma, abahlali bakuNombanjana banyanzelwa ukuba bangasondeli ngokuhlala kulwandle kangangeemitha eziliwaka.

Lo kaNtshoko uthi bakhule beloba kwilali yabo, futhi le nto bayibona njengesonka kubo.

“Ngonyaka ka2012, umthetho osinika amandla okuloba ubuphunyeziwe kodwa asikafumani kwanto thina balobi basezilalini. Kukho nale nto kuthiwa ngu-Operation Phakisa (inkqubo karhulumente yokuphuhlisa ilizwe ngoqoqosho lweelwandle),” utshilo uNtshoko.

Yena uBhekilizwe Gogani waseHluleka eNgqeleni uthe: “Iimbaza neentlanzi sikhule siziloba, sizitya, singabalelwa manani ukuba kufuneka silobe kangakanani.”

Emva kwalo mngcelele ububanjwe ngaba balobi, kuye kwayokubanjwa indibano eCity Life eQuigney, benikana amacebo okuphuhlisa eli candelo.