Mawabuye amathambo kaPokela eZimbabwe

Umfanekiso oselugcinweni

UMONGAMELI wombutho wePAC uLuthando Mbinda usebenzise ithuba lokwamkela amathambo wamajoni alishumi elinesixhenxe kaPoqo eKomani, ecenga urhulumente ukuba abuyise amathambo kaNyathi Pokela ase kwelaseZimbabwe


“Siyabulela ngokuba ebuyile amathambo wala majoni, idabi laseNtlonze lelinye lamadabi esiwahloniphe kakhulu kuba amajoni kaPoqo kweli dabi ajijisana namajoni ayexhobe ngezibham, wona ephethe imikhonto, amazembe noocelemba,” uthethe watsho uMbinda. 


Oku kuvele ngethuba uMphathiswa weSebe lezoBulungisa noPhuhliso loMgaqosiseko uMicheal Masutha egqithisa amathambo wamajoni kaPoqo kwiintsapho zawo kwiholo yoluntu iMzingisi Skweyiya kwaMlungisi eKomani. 


“Mawabuye amathambo wamajoni ethu asalele kwiindawo ezahlukeneyo zelizwekazi laseAfrika nehlabathi, mawabuye amathambo kaPokela eZimbabwe aze kungcwatywa ekhaya,” utshilo. 


Amagqala weAPLA aquka uMbulelo Fihla noMpolose Mangqangwana bebekho egameni lamagqala kaPoqo.

 

UEdward Sikhundla, Nkosincinci Maseti, Mcdonald Mgweba, Livingstone Fatyela, Mzimasi Tyobeka, Joseph Mqitsane, Mxolisi Damane, Titus Nyovu, Aaron Njokwana, Vezile Jaxa, Jonathan Sogwagwa, Vanele Matikinca, Johannes Notwayo, Godula Gelem, Magaqaza Magushe noBaden Koboka baxhonywa ePitoli ngo1963.


“Baxhonywa ngenxa yokuba abazange bavume ukuthathwa komhlaba nokuxhatshazwa kwabantu abamnyama, kumele ngoko sibanike imbeko ebafaneleyo,” utshilo uMbinda. 


Ethetha egameni losapho lakwaMatikinca, uMkhululi Matikinca, uthethe wathi:


 “Siyabulela kurhulumente ngokubuyisa abantakwathu, aba sithetha ngabo ngamajoni alwa engajonganga nzuzo ngokulwa kwawo.”


 UGodfrey Mgweba wosapho lakwaMgweba, uthi kudala bekhala belusapho bekhangela indawo awangcwatywa kuyo umntakwabo. 


“Oko besihleli sisazi ukuba asiphelelanga apha ekhaya, sikhangela indlela yokufumana amathambo womntakwethu,”utshilo. 


Igosa elijikeleza kweli nakumazwe angaphandle begrumba la mathambo nophuma kwisetyana elisebenza ngabantu abalahlekileyo kwisebe lezobulungisa nophuhliso lomgaqosiseko uMadeliene Fullard uthethe wathi:  


“Okona kunzima ukwenza lo msebenzi kuxa sikhangela umntu singamfumani okanye sifumane umntu ongenguye, sibafumana bengcwatywe bebathathu kwingcwaba elinye, lo nto yenza nzima umsebenzi wethu,” utshilo.

 

USekela Mphathiswa weSebe laMagqala eMfazwe kweli uKebby Mapatsoe, uthi kumele ukuba benze nangaphezulu ukunika imbeko la maqhawe. 


“Xa usiya kwamanye amazwe uyifumana lula indawo ebonisa uluhlu lwamaqhawe alwele inkululeko, asinayo thina lo nto apha, siza kwenza udonga olu noluhlu lalamaqhawe kuwo onke amaphondo eMzantsi Afrika,” utshilo uMapatsoe. 


Igqala leApla nokwayinkumanda uMbulelo Fihla, uthi mawakhunjulwe la magqala ngokufanayo noYesu wamaJuda kuba baxhonywa. 


“UYesu waxhonywa, nala amadoda axhonywa nawo.”


Ukanti uMphathiswa uMasutha uxelele iintsapho zala maxhoba ukuba ukuzincama kwala majoni akuzange kube lilize.  


“Sixhamla inkuleko namhlanje ngenxa yokuzincama koonyana benu, ngumsebenzi omkhulu abasenzela wona,” utshilo uMasutha.