Mawethu masincedisaneni ukuze sincedakale

Umntu makazikhusele kule ntsholongwane yekhorana ngokuthi anxibe imask ngamaxesha onke, ahlambe izandla ngamanzi anesephu rhoqo, asebenzise nale mikhwitsho kuthiwa zisanetizer, aze kananjaqo angasondeli kakhulu ebantwini.

Ngaphezu koko masithobele imigaqo emiswe nguMongameli egunyazisa ukuba sonke masihlale emakhaya.

Masincede ke nto zakuthi singahlukumezi amalungelo abantu abathe bafunyanwa, emva kovavanyo, benayo le ntsholongwane.

Masingabenzi amakheswa nezigculelo, koko masincedisane noRhulumente ekubafumaneleni uncedo olubalungeleyo ngokusemthethweni. Nale imfazwe siza kuyiphumelela, kuphela nje xa sisebenza sonke.- Monde Nkasawe, Bhisho

Thumela eyakho incwadi nge-email: isibhalo@inl.co.za