Mazihlawulwe imali elinganayo iingcibi zabakhwetha

“Mazihlawulwe imali enye elinganayo iingcibi zephondo leMpuma Koloni, kuphele le nto yokuba enye ibiza R150, R200 eBhayi, ezinye zibiza iwaka leerandi xa zisenza lo msebenzi. Lo mthetho kufuneka uncedise ukulawula ezo zinto, bayeke ukulenza into yokwenza imali isiko.”

La ngamazwi ka Michael Peter olilungu lePalamente kwindlu yowiso mthetho eBhisho ngethuba kupasiswa umthetho ongolwaluko iEastern Cape Male Initiation Practise Bill.

Lo mthetho uxoxwe kakhulu kumakomkhulu ahlukileyo eli ngelizama ukunika uluntu igunya lokuba bavakalise izimvo zabo.

Okona kuphambili ngalo mthetho kukuqiniswa kwamagunya weenkosi kwisiko lokwaluka ngaphandle kokungenelela kukarhulumente.

Umphathiswa wesebe leNtsebenziswano kuRhulumento neMicimbi yeMveli, uFikile Xasa, uthi impumelelo yalo mthetho ixhomekeke kwintsebenziswano naye wonke ubani. OkaXasa uthe,

“Inkosi nganye ngoku izakuba noxanduva lokuqinisekisa ukuba kwindawo yayo akukho mntwana ubhubhayo eSuthwini ngokuthi ihambe iye eSuthwini ngaphandle kokungenelela kukarhulumente, utsho lo mthetho.”

Ilungu leUDM ePalamente kwakweli phondo uTamsanqa Tsengwa uthi ukuqinisa namalungu ePalamente kuza kufuneka ukuba athathe amanyathelo:

“Ukuqinisa lo mthetho amalungu ePalamente mawaphume aye ebakhwetheni ngeenjongo zokuzibonela iingxaki ezenzeka phaya, nokuqinisekisa ukuba lo mthetho uyathotyela.”.

IMpuma Koloni ihambe phambili ngamanani waababhubhele eSuthwini xa ithelekiswa namanye amaphondo. IiNkosi eziquka uLanga Mavuso wamaBhele, uNkosi Matomela wamaHlubi noNkosi Ngwekazi bebeyinxalenye yendlu yowiso-mithetho ngethuba kupasiswa lo mthetho.