Men’s Conference: Ngxe bafazi!

INDODA yaseMonti iququzelela inkomfa yamadoda enjongo zayo ikukusiphula neengcambu unobangela wodushe olujolise kubafazi ibe sele isebenzisa elo thuba ukulungisa izimilo zamadoda ukuze acele uxolo ngeengxaki azidala kumakhosikazi.

UNtuthuzelo “Ntuza” Eugene Mfaka ukhweba le nkomfa, iMen’s Conference, emva kwezehlo eziliqela zodushe olujoliswe kwisini.

Le nkomfa iza kubanjelwa eAbbotsford Christian Centre eMonti ngomhla we16 kuNovemba kwaye ivuleleke kuwo wonke umntu oyindoda. Amangeno yiR200.

IMen’s Conference ikhe yaduma kakhulu kutshanje, amadoda esebenzisa amaqonga onxibelelwano eqhula ngelithi aya kuyo, kwabe kungekho kwalo nto. Kodwa uMfaka uthi uqonde ukuba makasebenzise ela gama, Men’s Conference, ukuzama ukwenza utshintsho emadodeni.

“Le yindlela yokudibanisa abantu abangootata ngenxa yezehlo zokubulawa nokudlwengulwa kwabantu ababhinqileyo. Emva kokuphicotha le ngxaki, siye safumanisa ukuba kuyafuneka sifumane unobangela wezi zehlo,” utshilo uMfaka, encokolela I’solezwe lesiXhosa kule veki.

“Kuba nokuba kungathiwa umntu ebesele okanye ebesebenzise iziyobisi, kodwa ukhona unobangela oye uphembelele udushe olujoliswe kubantu ababhinqileyo. Into ebalulekileyo sisisombululo emva koko senze inkqubo yokuxhobisa amadoda.

“Abantu abaninzi ababazi ubudoda ukuba buthetha ntoni. Yintoni le nto kuthiwa yindoda? Yintoni le nto kuthiwa ngutata? Ewe siyaziqonda ezinye iingxaki zidalwa kukungabikho kwemisebenzi. Yiyo le nto siza kuthi rhulumente naba abantu bakho abaphangeli, ucinga ukwenza ntoni ngabo?” kubuza uMfaka. Amalungiselelo ale nkomfa aqhubela phambili, utshilo uMfaka.

“Simeme noMongameli (Cyril Ramaphosa) neNkulumbuso (Oscar Mabuyane).” Ngaphandle koosopolitiki, uMfaka uthi bakwameme namashishini otywala nawokungcakaza, kuba ekholelwa ukuba kulapho iingxaki zokungaziphathi kakuhle ziphenjelelwa khona.

“Amadoda makathathe uxanduva, ibe ngawo anqanda iingxaki eluntwini. Amadoda makavume ukuba ngawo aphembelela olu dushe. Masivume ukuba sonile, sicele uxolo kubafazi ngokubona iminyaka emininzi. Emva kokuba sicele uxolo, masilungise ukuhlala. Umntu aphathe umfazi okanye isithandwa sakhe njengeqanda.

“IMen’s Conference yeyomntu wonke, osebenzayo nongasebenziyo, osezilalini nosedolophini. Kuthe xa kuvela olu dushe olujoliswe koomama, ndaqonda ukuba eli lithuba elilungileyo.”

UMfaka ukwamemelele kwiinkampani eziqeshe abantu abangamadoda ukuba zikhulule abasebenzi bazo bazokuba yinxalenye nale nkomfa.

Onomdla kule nkomfa angaqhakamshelana noMfaka kule nombolo kaWhatsApp 072 507 3379.