‘Ndibizwe ziiNkosi ukuba ndizikhokele’

Unkosi Mwelo Nonkonyana

Usihlalo omtsha weNdlu yeeNkosi eMpuma Koloni, uNkosi Mwelo Nonkonyana, uthi ziiNkosi ezimbize ukuba akhokele le Ndlu emva kokuba wathi waphuma ngo1999.

Emva kokonyulwa njengosihlalo, uNonkonyana uthi uyasihlonipha isigqibo seeNkosi sokumthemba njengenkokeli enokubakhokela kwakho kwindlu yeeNkosi eMpuma Koloni.

“Ndibizwe ziiNkosi emaMpondweni zandixelela ukuba zifuna ndikhokele, ndaphinda ndabizwa kwakho ziiNkosi eOR Tambo zindixelela ukuba zifuna ndikhokele indlu yeNkosi,” ucacise watsho uNonkonyana.

Uhambisa athi isigqibo sakhe sokwamkela esi sikhundla sihambelana nesigqibo sombutho weeNkosi iCongress of Traditional Leaders in South Africa (Contralesa) eMpuma Koloni nakuzwelonke.

“Sathatha isigqibo sokuba iinkokheli zeContralesa zikhokele kule ndlu yeeNkosi ngokuthi usihlalo walo mbutho ephondweni aphinde abe ngusihlalo wendlu, kwenzeka loo nto ngoku, eKZN ugxa wam nguye okhokele indlu yeeNkosi,” ucacise watsho uNonkonyana.

UMphathiswa weSebe leNtsebenziswano kuRhulumento neMicimbi yeMveli uFikile Xasa, uthi banethemba lokuba kuza kusetyenzwa zizindlu zeeNkosi kuphuculwe intlalo yabantu.

“Siliphondo elinamaphandle abanzi kakhulu, ngoko ke iiNkosi nale ndlu zinoxanduva lokuncedisana norhulumente ukuba aphucule intlalo yabantu,” utshilo uXasa.

Ukanti usekela-mphathiswa wesebe lentsebenziswano norhulumento kuzwelonke uObed Bapela, uthi esi sikhokelo sinoxanduva, kwaye olo xanduva lufuna amadoda omeleleyo.

“Akwaba ukukhuphisana oku kungabenza bamanyane, kuba sifuna kuphume iinkokeli ezinomqolo eziza kukwazi ukumela iMpuma Koloni kuzwelonke, logama zizakuba zinceda le ndlu kuzwelonke ukuba yenze umsebenzi wayo ngempumelelo,” uthethe watsho uBapela.

UNkosi Ngangomhlaba Mathanzima ukhokele le ndlu izihlandlo ezithathu kwiminyaka elishumi elinesihlanu ngenxa yokuthandwa kwesikhokelo sakhe ziiNkosi.

UNkosi Xolile Ndevu uthunywe uxanduva lokuba akhokele igqiza leli phondo ukuya kumela iMpuma Koloni kwisigqeba sikazwelonke sendlu yeeNkosi.

UNdevu uzakwenza oko exhagwe ngamanina amabini uNkosikazi Nosintu Mhlauli kunye noNkosikazi Nobhongo Ngonyama. UNkosi Sandiso Bhinase wesizwe saseWezashe eXhorha, uthi licebo ukuphumelela kukaNonkonyana kolu gqatso.

“Kukho imithetho ekukudala idinga umntu onokuyenza apha, equka lo usebenzayo ngoku kwamanye amaphondo, othi iiNkosi kumele ukuba zinikwe iimoto zokuhamba, le ndlu isilele ukuyenza lo nto kwesi sihlandlo sigqithileyo, sinethemba lokuba uBhala uzakuwenza loo msebenzi,” uthethe watsho uBhinase.

UNonkonyana ngusihlalo wokuqala weNdlu yeeNkosi eMpuma Koloni ukusukela ngonyaka ka1996 ukuya ku1999, uyiNkosi yesizwe samaBhala eSiphaqeni naseLusikisiki, ungusihlalo wombutho weeNkosi iContralesa eMpuma Koloni.

Isekela lakhe uNkosi Langa Mavuso wamaBhele aseDikeni ukwangusekela-sihlalo wombutho weContralesa.

UKumkani uZwelonke Sigcawu wamaXhosa, Ndamase Ndamase wamaMpondo aseNyandeni kunye neKumkanikazi yamaRharhabe uNoloyiso Sandile, banike imbeko kulo mcimbi wokumiselwa kwesi sikhokelo sitsha.

UNonkonyana uthi uqulethe isicwangciso esiza kwenza utshintsho olukhulu kwindlela eliqhutywa ngayo isiko lokwaluka.