‘Ndicela indawo efanele umntwana wam onamathambo ophukayo’

USiphiwokuhle Ngcukana ophila nesigulo se-Osteoporosis UMFANEKISO: Phando Jikelo/African News Agency (ANA)

EKAPA: UMZALI womntwana oneminyaka emithandathu ophila nesifo se-Osteoporosis (amathambo angomelelanga asemngciphekweni wokophuka nanini) ucela urhulumente ukuba amfunele indawo efanelekileyo yomntu ophila nesisifo.

Umntu ophila ne-Osteoporosis usemngciphekweni kangangokuba amathambo akhe ophuka naxa esiwa okanye ethimla.

Kangangendlela amncinci ngayo ngenxa yale meko yakhe uKuhle Ngcukana waseMasiphumelele ungacinga ukuba unonyaka kuphela.

Akakwazi ukusebenzisa isitulo samavili (wheelchair) awayiphiwa sisibhedlele sabantwana iRed Cross War Memorial ngenxa yokuba indlela kula matyotyombe anomhlaba omanzi incinci kwaye inegrabile nto leyo ebangela ukuba umama wakhe uBusisiwe Ngcukana oneminyaka engama-28 esoloko embelekile.

UBusisiwe uthi eyona nto imxhalabisayo kukuba uKuhle uyagaqa xa engambelekanga ze ahlale emgadile kuba angophuka nanini. “Imeko yalapha ayimlungelanga umntu onesi sigulo. Akukho nkqu nesikolo esikwaziyo ukulungiselela iimfuno zakhe. UKuhle wafumana iwheelchair eneminyaka emine kodwa akayisebenzisa ngoba ayiqhubeki apha ngenxa yemeko yendlela yegrabile ebhampayo.”

Uthi wamfunela indawo kwi-creche ekufutshane apho ahlala khona kodwa akazange alunge ngenxa yokuba ootitshala abaqeqeshwanga ukumelana nemeko yakhe.

UNgcukana uthi eyona nto iphambili kukufunela uKuhle isikolo esimlungeleyo. “Uyasidinga kakhulu isikolo ngoba nam ndingafumana umsebenzi nanini. Ngubani ongamonesayo xa ndinokuqeshwa?” utshilo uNgcukana.

UKuhle uphila ngemali yenkam-nkam.

Isithethi sesebe lezokuhlaliswa kwabantu uNtomboxolo Makoba-Somdaka ucebise uNgcukana ukuba acacise ubulwelwe bukaKuhle xa efaka isicelo sendlu.

Uthe uKuhle uphantsi kodidi olukhethekileyo oluyidinga nyani indawo elungele imeko yakhe.

Ngokwengxelo yeWorld Osteoporosis Day yonyaka ophelileyo, ukophuka kwamathambo okubangelwa sesi sifo kungabeka ubomi emngciphekweni kwaye kubangele ukukhubazeka naphakade.

Iikliniki ezikufutshane ezinceda i-Osteoporosis zezi: Ocean View, Nyanga, Brown’s Farm ePhililippi, iNolungile neKhayelitsha eSite B.

michael.nkalane@inl.co.za