‘Ndifuna intloko kamama’

UXolisa Mamayo ulithathele kuye idabi lokubuyiswa kwamathambo kamama wakhe uNdileka Mamayo, aquka intloko yakhe eyathunyelwa ngamapolisa aseMonti ukuba iye kwenziwa uphando lwemfuzo eKapa kunyaka ophelileyo.

Sele izinyanga ezilishumi elinesibini wabhubhayo uNdileka emva kokuba wathi walahleka ngenyanga yeDwarha kunyaka ophelileyo, kwaza ngeyoMnga kwabhaqwa izinja ziphethe amathambo entloko yakhe.

“Amapolisa athatha le ntloko namathambo engafunyenwanga ngawo, efunyenwe kwasithi, athi aza kwenza uphando lofuzo kula mathambo phambi kokuba siwangcwabe, kudala silindile sicela amapolisa asebenzisane nathi, andilali ebusuku ndikhumbula umama,” uthethe watsho uMamayo.

Uthi xa enokungcwatywa umama wakhe angaxola emva kokulinda ixesha elingaka.

Ekuqaleni kwalo nyaka abazala bakaNdileka, uZuziwe Mdlela noThozama Mdlela, baqalisa ukujijisana namapolisa aseMonti befuna kubuyiswe la mathambo.

“Siphila kabuhlungu yile nto, ukuba ingangawo la mapolisa ebeza kuva njani wona, siyawafuna amathambo kaNdileka, ingxaki abadibana nayo asingeni ndawo thina kuyo,” watsho uThozama Mdlela.

Ingxelo yeli khaya ithi amapolisa abaxelele ukuba awakwazi kwenza olu phando kula mathambo ngenxa yokuba omile. “Ndifuna intloko namathambo kamama, andikhathali nokuba bagqibile nokuba abagqibanga, thina siyayazi ukuba ngamathambo kamama lawa, akakho omnye umntu owayelahlekile ngela xesha nguye,” uthethe watsho uMamayo.Ukungangcwatywa kwala mathambo kwenza ukuba ingakhutshwa ingxelo eqinisekisa ukuba le nkosikazi yabhubha.

IMpuma Koloni lelinye lamaphondo anengxaki yokungabikho kwezixhobo zokwenza uvavanyo lwemfuzo okubangela ukuba olu vavanyo lwenziwe eKapa.

Othethe egameni lamapolisa aseMonti uHazel Mqala, ungqinile ukuba ukoma kwala mathambo kunika ubunzima kumsebenzi wokupasisa la mathambo ukuba ngakaNdileka Mamayo.

“Ingxaki yolu phando kukuba ezi nkcukacha zithunyelwa eKapa ukuze kwenziwe uphando lokuqinisekisa ukuba ngamathambo omntu omnye, olokuqala uphando aluphumelelanga kuba omile, kuphinde kwathunyelwa amanye amathambo eKapa ngokutsha,”uthethe watsho uMqala.

Lo kaMqala uyavuma ukuba ukungabikho kwezi zixhobo ziwenza nzima umsebenzi wophando lwamapolisa eMpuma Koloni.

“Amagazi namathambo onke xa kukho uphando olunje athunyelwa eKapa kwaye maninzi amaphondo athumela amathambo namagazi kwaba matshini benza lo msebenzi,” ugqibele ngelo uMqala.

Olu sapho luphuma lungena kwiingxaki ezininzi ngenxa yale meko yokungangcwatywa kwala mathambo.

“Ekuqaleni kwale nyanga singcwabe umntwana wam, baninzi nabanye abantu bekhaya esibangcwabileyo, kodwa asonwabi kuba kukho lo mntu singeka mngcwabi, sinikeni amathambo kaNdileka siyacela kuni,” uthethe watsho uMdlela. Eli khaya lithi liza kugqithela kwelinye inqanaba likhangela amacebo okubuyiswa kwamathambo kaNdileka Mamayo.

“Asinamali, asinanto, kodwa sizakulwa kude kubesekugqibeleni side siwangcwabe amathambo kaNdileka nokuba kunini,” utshilo uMdlela. UNdileka wayengumhlali kwingingqi yaseNtenteni eMonti. La ndawo ineziganeko eziliqela zokuxhatshazwa kwamakhosikazi nabantwana.