Ndilandel’ iphupha

Batsho bathi, nam nditsho ndithi,

Inkonyane likhethwe kusa- khanya, ndithe chu, andileqi ndawo, ngomonde ndiyacokisisa, nakanjalo, ndiqinisekisa ukuba andishiyi mncunzela.

Ewe, kukhubeka ohambayo,

isidoda esihleli phantsi sidinwa sidengezele kolu hambo.

Andithini ndilandel’ iphupha.

Ngenxa yobumnyama ndiyaphupha.

Kwakuvel’ ukukhanya ndilifezekise, ngubani na ongenaphupha mawethu?

Ndakucing’ eli phupha, umqamelo ubalilifa leenyembezi.

Ngoba lendlel’ inamarhamncwa nooxam abangxamel’ ukundixhwila, ndodwa ndasenza isimbambathiso ekhaya, Ndathembisa kwisizwe siphela, Ayindim ndenzeni, kula mahlandinyuka ndiqhutywa liphupha,

Ngenjongo yokwenz’ inguqu ekuhlaleni, eluntwini, nditsho ngqo kwisizwe siphela.

Onephupha uphil’ emphefulweni,

Yinto engqang’ ingqonde-ngqonde engqondweni.

Ophuphayo ngoqaqambis’ ikamva lakhe, ononelel’ ingomso lakhe.

Ukuba sonke sinoba nephupha, singaloyis’ elimiweyo.

Masenjenjalo ukuvuselel’ isazela nezakhono, Khon’ ukuze sizalise amaphupha. Khon’ ukuze kuqin’ ukuzingca, Maz’ enethole, ndibamba ngazo zozibini.

Amangwevu avumile.

Ewe uhlanga lopha ngokuphindwa, kodwa ngokwesingqi avakele.

Ayindim ndenzeni, ndilandel’ iphupha.