Ndimothulela umnqwazi uRamaphosa

Ndimothulela umnqwazi uMongameli Cyril Ramaphosa ngokuthatha amanyathelo aqatha ekulweni nesi sifo ngokuthi atshixe (lockdown) ilizwe lakhe ngeenzame zokuthomalalisa ukunwenwa kwale ntsholongwane yeCovid-19.

Kodwa ndixhalatyiswa kukuba olu tshixo luchaphazele abathengisi bemifuno nokutya ezilokishini.

Bendingathanda ukuba urhulumente ababuyekeze ngenxa yelahleko abayifumeneyo ngeli thuba lelockdown.

Amagosa ezempilo asikhuthaza ukuba sitye iziqhamo, ngoko abathengisi beziqhamo nemifuno kumele bavunyelwe ngeli thuba.

-Tsitsi Ndwayana