‘Ndimxabele ngezembe wabhubha’

Ongusihlalo kwiqonga lamapolisa asekuhlaleni (CPF) uThozama Xhosa oxhaxhe wabulala indoda (30) ebiqhekeza kwakhe ngosuku lwakhe lokuzalwa eQhaga eQonce

Inkosikazi yelali yaseQhaga eQonce ebilinde isithandwa sayo ngosuku lwayo lokuzalwa uMgqibelo womhla weshumi elinesixhenxe, ithe endaweni yokonwaba yazibona ijijisana nomfana kwinto ekhokelele ekuxatyelweni komfana onamashumi amathathu ubudala welali le ngezembe, wabhubha.

Oku kwenzeke ngokuhlwa kwangoMgqibelo, emva kokuba uThozama Xhosa (50) ebegqiba ukucima isibane nomabonakude emzini wakhe.

“Emva kwemizuzu nje ndicime isibane kwakunye nomabonakude ungenile lo mfana ndabe sele ndithatha izembe ebe likwigumbi langasese. Ndifike esekhitshini, ndagalela kabini ngezembe ndamva esithi ‘mama kaSiphiwe layita isibane sithethe’, khange ndimhoye ndiye ndaphinda ndagalela wabe eleqa efestileni ebengene ngayo.

“Ndiphinde ndagalela ngezembe, kodwa okwesine ndiqaphele ukuba izembe aliphumi ebusweni, xa ndikroba, ndaqaphela ukuba uyabhubha,” itshilo le nkosikazi, ekwangusihlalo weqonga lamapolisa asekuhlaleni (CPF) kule ndawo.

Emva koku, uXhosa uthi ubize abammelwane ebaxelela ukuba ubulele umntu obengaphakathi endlwini yakhe, wabe sele etsalela namapolisa.

Uthi isizathu sobugorha bakhe kukuba ebesoyikisela ubomi bakhe. “Bendisoyikisela ubomi bam kuba mhlawumbi ngeyindim lo ubhubhileyo ukuba ebendibone kuqala.”

Uthi kudala eli xhoba limosha emzini wakhe, ngoku ebezama ukuzikhusela. Amanina aseQhaga athi ayasixhasa isenzo sale nkosikazi kuba bahleli ukungcungcutheka bubugebenga bala lali.

Bathi okuphambili kukuba abazali bezaphuli-mthetho bayabathethelela abantwana babo, kungoko izinga lolwaphulo-mthetho liphezulu.

Olitshantliziyo kule lali uNolinda Xhakayi uthi bengamakhosikazi kula mmandla sele belala benxibile yonke imihla ngelokuzikhusela.

“Sesilala sinxibile kuba nanini into ingenzeka. Olona suku baligadayo lokumosha bagada elinomoya obhudlayo okanye xa kuna imvula ukwenzela kungavakali xa beqhekeza emzini,” utshilo uXhakayi.

UXhosa uvelile ngoMvulo kwinkundla yamatyala eZwelitsha eQonce, ze ityala lamiselwa umhla wesithandathu kwekaTshazimpuzi.

Ukanti isiganeko esikumila kunje senzeka kwilali yaseSwartswater eLady Frere kunyaka ophelileyo, apho umama onamashumi amahlanu anesihlanu wahlaba amadoda amathathu awafika edlwengula intombi yakhe.

Apho kwathi kwabhubha umfana wamnye kwangoko, ababini basinda ngokubaleka. Umama lowo wabizwa ngegama lokuba ngu “Lion Mama.” Ityala awabekwa lona lokubulala laye lachithwa yinkundla yamatyala kuKomani.