Ndiswele amazwi okubhala

Kwek! Bendinemixholo emibini eyahlukeneyo ebendifuna ukuthetha ngayo ebendizakuxhentsa kuwo kule veki, kodwa kude kwahlwa ngoLwesibini ndisamokamokana neengcinga zam; nkqi amazwi ukuphokoka.

Ndibangazama ukubhala umhlathi wokuvula, hayi kuyala. Ngekungcono ke ukuba usuku lwanamhlanje belungempelaveki, apho bendiyakuphola ngelithi iintsuku ndisenazo phambi kokukba ndithumele esi sibhalo kumhleli ngentsimbi yeshumi ngoLwesithathu.

Ndithetha nje kungorhatya lwangoLwesbini, nto leyo ethi ndiphantsi koxinizelelo olumandla, kubi. Ndiswele amazwi okubhala iingcinga zam.

Nditsho neqhinga endalifundiswa nguGqr. Ruby Zauka xeshikweni wayendihlohla isiXhosa kwi- Dyunivesithi yomasipala ombhaxa waseNelson Mandela Bay, iNMMU ngamafutshane alindisebenzelanga. uGqr. Zauka wayesithi xa ungumbhali mawuthi uhleli nje, nokuba kuxeshaliphi, ubhale phantsi iingcinga zakho nokuba azikayondelelani.

Wayesithi yena ecaleni kwebhedi yakhe unencwadana yokubhala ehlala ihleli, ukwenzela ukuba nokuba wothuke ngonyezi akwazi ukubhala oko kuthe qatha kuye. Wayede aqhule ngelithi xa ungayiboni incwadi yakho, thatha nokuba yi ‘toilet paper’ ubhale. UGq. Zauka sesaziwa njengo- ‘D’memzo’ okanye ‘Ungqongongqondo wesiXhosa’ ngabahulaphuli boMhlobo Wenene.

Kula maxesha obugcisa akusadingeki nokuba mawude ubhale encwadini, kuba kwa iimfonomfono ezi zethu sezaba zizinto zokubhalela.

Sendikumhlathi wesithathu, kodwa andikazi nokuba umxholo wesi sibhalo uzakuba ngantoni na, kodwa amazwi wona ayakhiqika. Inene ngumhlola ka James owabonwa ngutat’ uMkhize (kwibali likamabonakude lakudala, * -Emzini Wezinsizwa). Zizimbo zale nto kuthiwa yi ‘writer’s block’ ke ezi, yaye sele iyinto eqhelekileyo kum.

Uyabona ke, xeshikweni ndandisengumthandi weenyembezi zikavitoliya, inkuthazo yam nomomnwabisi ngamaxesha onxunguphalo afana neli yayingumdiliya omfaxangiweyo. Ungandibuzi njani, kodwa leyo yimilingo yendeb’ ebomvu.

Mhlawumbi mandabelane nani nje kancinci ngebendikwenza ngale mini yangoLwesibini.

Kusisithutyana nje seeveki ezimbini ndizibona ndigaxeleka kwii- ofisi zombutho ojengene nokwakha nokuvuselela iintsapho nemitshato, iFAMSA; ndikhaphe omnye wabafundi basesikolweni ozokuzimasa iseshoni yakhe yokuqala kwezininzi azakuzihamba kweli ziko.

Ukuqala kwam ukuva ngalo mfundi kungethuba enqunyanyiswa esikolweni isithuba esingangeveki ngenxa yokulwa nokungaziphathi kakuhle esikolweni; ingekuko okokuqala kusenzeka oku ndakuva.

Kuthiwa nasekhaya imeko imaxongo, abazali bamgxotha iveki neveki ngelithi bamncamile.

Ngamafutshane, ukuze sibe kanti side safikelela kwaFAMSA, ndiqale ndathetha nabazali bomfundi kwakunye nabafundisi-ntsapho, ndaze emva koko ndathetha nomfundi yedwa bucala, ndizama ukufumana ingcombolo macala onke.

Ibingengomfundi yedwa ke obeneseshoni nonontlalontle ngale mini, umama wakhe naye wacelwa ukuba azokuzimasa eyakhe eyedwa kwixesha elahlukileyo kweli belinikwe umfundi.

Umzali khange alibeke yaye akasibonanga nesidingo sokuba makachaze ukuba akazokuphumelela. Akundothusanga oku, kodwa ndiye ndaziva ndibucaphuka kuba kaloku oku kubonakalisa ukungayikhathaleli le ntshukumo nenkquleqhu yokuncedana nomtwana wakhe kuquka yena siqu.

Nonontlalontle uyibethelele into yokuba kubalulekile umzali womfundi azizimase iiseshoni zobuzali, kuba ukuba akakwenzi oko, zonke ezi nzame zokuxhobisa umntwana wakhe zizakuphanza xa engafumani nkxaso ekhayeni.

Leli bali lale ntwazana nobudlelwane bakhe nabazali, ingakumbi umama wakhe, elandikhokhelisa ukuba ndibhale ngesidingo nokubaluleka kokufundiswa kwabazali ngobuzali kwiiveki ezimbini ezidlulileyo.

Ewe kona akuzobalula, kodwa ndinalo ithemba lokuba noko luzakubakhona utshintsho kulo mfundi kuba naye uzinikele kule nkqubo yakwa FAMSA.