‘NDIYOYIKA!’

UNikelo Mbiza eme ecangkwendlu nemoto yakhe etshisiweyo kuQeqe, eDutywa

“Ndiyoyika! Ndixolele ukuwushiya umzi wam.”

La ngamazwi kaNikelo Mbiza wakuQeqe eDutywa. UMbiza ubaleke umzi wakhe emva kokugrogriswa ngokubulawa ngabahlali bale lali kuba bemtyhola ngokudlwengula nangokubulala umntwana wale lali azalana naye, uSiziphiwe Mbiza, kwinyanga yeDwarha kunyaka ophelileyo.

Iingxelo zithi kwalahleka uSiziphiwe oyintombazana oneminyaka elishumi kule lali, emva koko abahlali batyhola uMbiza.

Ngokwengxelo eyakhutshwa sisithethi samapolisa uKapteni Jackson Manatha kunyaka ophelileyo, uSiziphiwe wafunyanwa emlanjeni ebhubhile emva kweentsuku ezimbini elahlekile, kodwa engenampawu zodlwengulo namanxeba.

“Baqhuba nokundityhola besithi ndim obulele lo mntwana. Baqala ngokundigrogrisa besithi bazakundibulala ukuba andihambi elalini, babe bungekho ubungqina obuthi ndim obuleleyo. Emva kweentsuku batshisa umzi wam,” utsho uMbiza.

Uthi oku kumehleleyo kuquka ukujikelwa ngamalungu osapho lwakhe zange wakucinga ukuba kungaze kumehlele. Uthi mhla wabizelwa indibano lusapho lwakhe wayecinga ukuba izakuba phakathi kosapho lakwaMbiza kuphela hayi nelali kuba nakwezinye iintsapho xa kukho ingxaki kuye kuqale kudibane usapho. Ngethuba efika kwindibano exelelwa ukuba makaphume aphele kule lali yakuQeqe, uthi latshona emini ilanga kuye.

“Ndavuma, ndisitsho ndingakholelwa, ndathi ndiyahamba kodwa ndabuza abantwana bam ndithini ngabo kuba lixesha lokubhala iimviwo, kwaphendula indoda esisihlobo isithi ‘irhamba libulawa nabantwana balo’,” uqhube watsho uMbiza.

UMbiza sele wancama umzi wakhe wemka kwakwilali leyo neentsana zakhe esoyikisela ubomi babo. Ngoku usaxhwarhe eGcuwa.

Uthi umonakalo owenziwa ngabahlali ngethuba betshisa umzi wakhe uxabisa izigidi zeerandi nanjengoko kuzo kuquka imoto yakhe, iintente kwakunye nezitulo ebeshishina ngokuzibolekisa, iikhompyutha kuquka nezindlu ezintathu. Enye kwezo zindlu yayinamagumbi amathandathu ngaphakathi.

Uthi iloli eyayizokulanda umthwalo wakhe xa wayeshiya umzi wakhe yajikwa kwangabahlali belali, kungoko kwaye kwatsha kwanto ngethuba ilali imtshisela.

UMbiza uthi iinzame zokusindiswa ngamapolisa aseDutywa kuquka noomama belali besithi akuzutshiswa xa kwakusiza igquba lamadoda, zatsho phantsi.

Ukanti intwazana kaMbiza, eneminyaka elishumi elinesithandathu, xa besincokola nayo ithe nangoku kusebuhlungu ayikaxoli kuba umbono wokwenzekayo kubo usafika nanini. Le ntwazana ithi baphumelela kunjalo esikolweni kuba besebenzela ikamva labo.

UMbiza uthi kunzima nokuba amangale kwinkosi yendawo kuba nayo yayikulento kwaye ikwahlobene naye. Uthi unqwenela ukuva ukuba ingaba umthetho ulwelwa abazizityebi kusini na. UMbiza uthi abazange bafumane loluleko ngokwasemphefumlweni.

Ngomhla weshumi kule nyanga sivela enkundleni eDutywa isine esatshisa umzi kaMbiza.

abongile.ginya@inl.co.za