Ndizenzela iGoli eMonti ngomculo wam weHip hop

Umculi weHip Hop uSizzleUMFANEKISO: SIYANDA ZAKHE

USizzle, noyimvumi eyaziwayo yeHip-hop eMonti uphehlelele icwecwe lakhe elitsha kraca elithi “Brand New Old Me” eBlackSpades Lounge eQuigney kutshanje.

USizzle (26) ogama lingu Siyanda Mdipha, ungumvelisi ekwanguye nomsunguli wenkampani yakhe iCloud9recordings. Uthi ukuba kulendawo akuyo namhlanje kubeyintando kaThixo kuba abantu ababekwinto yomculo yayingoobhuti bakhe abadala kuye hayi yena.

“Umnqa ngowokuba ndinezidanga ezibini kwizifundo ezingenanto yakwenza nomculo.

Kungoko ndisithi kube sisiphiwo ukucula sele iyinto endiyiphilayo kwaye endiyithandayo, ndaziqaphela ukuba andingomntu weofisi okwam kukuzenzela. Okubalulekileyo kukuzixelela, kwanokuzinikela ukuba ufunantoni ukuze ube uyaphumelela,” utshilo uSizzle.

Uthi okwangoku akakaziboni esiya eGoli ukuyokufuna amadlelo aluhlaza njengoko iimvumi ezininzi zibalekela eRhawutini ngendlela zokuziphilisa. Uthi alikafiki eloxesha ufuna ukuqale akhulise igama lakhe kwakunye nenkampani yakhe. Le mvumi isaze ngobuso ithi, baninzi abantu ababonileyo bebethakala ngoba bethe baqala eGoli nabaphela bengamaxhoba ezinto ezininzi engakhange aqale ngokuzam emva ekhaya.”uvale ngelo uSizzle

USizzle uyancoma ngelithi sesuko kwabelana ngeqonga noosaziwayo abafana nezinye iimvumi zeHip-hop ezaziwa jikelele eezifana noMtee, uFifi Cooper, Nasty, uProfessor kwakunye nabanye, ngethuba ziseMonti.

Kwinyanga ephelileyo ubenenyweba yokuthatha inxaxheba kwiMotsepe Foundation eBeach Front eMonti naseQone yanguye yedwa omele abecala leHip-hop kwimvumi ezintlanu zephondo ebezichongiswe ukuba zicule. Uculile bakwiSummer Carnival eQonce kwiveki ephelileyo. Ukanti nakwi Music Countdown eABSA stadium uzakuba yinxalenye. Zifumanele icwecwe lakhe kuzo zonke iivenkile ezithengisa umculo.