Ndlelantle HHP

Owu! ukufa makuqalekiswe, Lutshaba oluneengcambu eziqinileyo, Kufika umhla nezolo kodwa akuqheleki, Lishwangusha elingenasiqalo nasiphelo, Yinyamakazi enamendu abaxiweyo, Sisitshingitshane sesiquququ esingapheli mandla, Kuhleli nje kuyatshuntuza kusemandleni, Kazi kuyoze kufe nini na kona ukufa?

Sihleli nje sigcampuza echibini leenyembezi, Sihleli nje iintliziyo zintyumpantyumpeka elusizini, Imeko imaxongo ukufa kubathatha bonke abaphuhlileyo, Kusishiye nezidlwengu nezigebenga, Ndisitsho nje akukho namnye ofanelwe kukufa, Uphi na Mvelingqangi kule mek’inyekenyek’ ikukufa? Kuyonakal’ ezantsi emhlabeni.

Ukushiywa kwethu nguHHP kushiya isilonda, Ukuhamba kwakhe kushiya isigingqi, Ukuhamba kwamaciko namagagu kuvamile, Ukushenxa kwakhe kushiy’ iintliziyo zisopha, Ukufa soze kuqheleke nokuba kungafika umhla nezolo, Sihanjelwa ngamaciko akwaziyo ukudlala ngamagama, Kushiyeke umwonyo ongadibekiyo, Isisiqalekiso iminyaka engamashumi amathathu anesibhozo kwiimvumi zeli, Kodwa ayithethi lo nto ukuba singathandazi,

Masihlale emthandazweni, Kuba ukufa kulibhedengu, Kubhida namabhaku uwabone sele ebhadula, Ukufa kunezothe, Kusishiya sizobozekile ezintliziyweni, Ukufa ngunozala weentsizi, Kohlula namaxhalanga anooxhongo abade, Ukufa yingubo esombathisa iinzingo, Kodwa ilanga lokufa linye kufe nako, Hamba mkhonzi kwelo zwe ulidini lethu, Iingqaqambo neentlungu zisusiwe kuwe, Iintlungu neentlupheko zisele nathi, Wanga umphefumlo wakho ungafumana ukuphumla noxolo. Usapho lwakho lungaqumbi luqalekise, “AKUHLANGA LUNGEHLIYO”.