‘Ndothuke ebuthongweni endingena ngetshova’

“NDOTHUKE ebuthongweni eyikhulule ipenti yam endidlwengula, xa ndimbuza ukuba yintoni le ayenzayo wacela uxolo emva koko wonyusa ibhulukhwe yakhe.”

Oku kuthethwa yintwazana yaseNyalasa eCala, eneminyaka engamashumi amabini anesibini, ethi idlwengulwe ngumfana okwalingana nayo ngokweminyaka.

Ibalisela I’solezwe le ntwazana ithi bebezonwabele kwindawo yentselo kule lali, ze ngethuba lokuvalwa kwesikroxo bagqiba kwelokuba bagoduke notshomi wakhe okwayintombazana.

“Phambi kokuba sishiye le ndawo yentselo ndiqaphele ukuba itshomi yam incokola nabanye abafana kwaye yabuyela kum isithi kukho umfana onebhotile yotywala, ngoko ke masiyeni kowabo.

“Ndamxelela ukuba mna sele ndishushu ngoko ke andiboni sizathu sokusela kwakhona. Yala itshomi yam isithi mandiyikhaphe nokuba andizokusela. Sahamba ngenene safika kwikhaya lalo mfana. Bafika basela, mna ndabona ukuba mandilale ematrasini kule ndlu basela kuyo,” itsho le ntwazana.

“Ndothuka sele ephezu kwam omnye umfana wakwaphaya, hayi lo ebethe unebhotile. Wayendidlwengula kwaye ilungu lakhe lobudoda laliseliphakathi kum. Ndambuza ukuba yintoni le ayenza kum, wacela uxolo.”

Le ntwazana ithi yayinxibe ilokhwe emfutshane ngoko ke lo mfana wayikhulula nje ipenti.

“Ndavuka ndaphakama ndagoduka, wandilandela ecela uxolo. Itshomi yam le yayindise kwikhaya lababafana yayingekho ngoku ndothuka ndidlwengulwa,” kutsho le ntwazana.

Le ntwazana ithi iyile ukuyokuvula ityala emapoliseni aseCala emva kokwenzeka kwesi sehlo, kodwa ifumana ukusokoliswa ngamapolisa. “Ndaya nakwagqirha ukuyokuhlolwa kuba ndandingekahlambi.

“Kodwa ngoku amapolisa asixhoma kum isehlo sodlwengulo. Athi mna ndasela utywala balo mfana ndibe ndingazange ndenza lo nto, futhi eyona nto indicaphukisayo yile yokuba lo mfana uqhathe amapolisa wathi ndincuma naye.