Ngamagorha oonondaba

Kwakhona mawethu! Sikwilizwe apho izinto zenzeka ngokuphazima kweliso. Abantu bayagxanya ukuhamba, kuloo nto bade baqakathe izinto ebekumele ukuba bayazinyathela.

Yinto esingenakuyinceda ke le kuba yonke nje into itshintsha iguquka ngokukhawuleza. Itekhnoloji nayo ingxama kakhulu, futhi ukungayileqi kukuzikhanda ngenyhek’ etyeni.

Uzibona sewuwedwa kubomi bakudala ngeli xa abantu obucinga ukuba uphila nabo sebekwamanye amazwe. Unxibelelwano kumaqonga kawonkewonke luxananaze de lwaphixikela nakwiindawo ebekungafanelekanga lukuyo.

Sizibona sibila sisoma sinqanda umhla nezolo imifanekiso yamakhwenkwe asesuthwini afotwa ze loo mifanekiso ijikeleziswe. Kodwa ndikuthethile oku asinakugxeka konke kolu phucuko yeka nje ukuba thina sisuka sizikhucule.

Intatheli enje ngoThandile Ntlangano eyayisebenza phantsi kweemeko ezingaginyis’ amathe yayinokuvuya ixhumaxhume ukuba le tekhnoloji yayikho ngamaxesha ayo.

Kancinci nje, apha ndiphethe incwadi ngosiba lukaM.S. Mlandu esihloko sithi, Kwisizwe Esitsha. Le yincwadi yamabali amafutshane neyapapashwa phaya ngomnyaka ka2004 ngabakwaVia Afrika. Kumabali athwelwe yile ncwadi ndinelo lisihloko sithi, Idabi likanondaba.

Kweli bali umbhali usilandela imbali nezidubedube ezazilimise mantsantsa ilizwe lethu. Kanye ngexesha elalidinga uxolo ngalo. Kaloku uThandile Ntlangano oyintatheli uzibona exakekile eqokelelela iphephandaba awayelisebenzela, Iliso Lesizwe iindaba zemfazwe eyayigquba phakathi kwemibutho yopolitiko eyayikho.

Eli xesha kaloku mfundi leli kwabanjwa ngalo iingxoxo kulungiselelwa ulonyulo lokuqala kuMzantsi Afrika.

Izixhobo zokusebenza koonondaba zazingentle konke konke, uThandile wayephithizela apho sele phela ebulawa nayimbumbulu angenakwazi nokuba yayivela kweliphi icala.

Sisakhono umntu asifumana ngokusifundela esi, yiyeke le yanamhlanje yokusuka sibe ziintatheli sonke. Ukuba yintatheli kumaxesha angaphambili kwakuthetha ukubasemfuthweni wolwazi, kulibhongo izinto ziqala zibikwe kuwe ze wena ubikele abantu.

Ngamaxesha esesidlule kuwo lawo. Namhlanje kuthe tshitshilili oonondaba ndawo yonke, kunjalonje nguwashiywa nowashiywa ukubhengeza iindaba. Bathi befika abo bafundele obo buntatheli zibe sezibhengezwe zathi saa nkalwana zonke ezo ndaba.

Loo ntatheli ifika seyinikwa ngoosinga-nondaba esebekho kuloo ndawo ibonakala njengeyenza iindaba, afane achutyelwe eyona nto ibisenzeka ngabo.

Ziya kuthi zibhengezwa kumaziko eendaba kube sekuyingxokolo luluntu kumakhasi onxibelelwano zigwadla. Andithi kaloku bona bazive kooqalazive bokwenene, abo basemsini.

Ke olu lwabo untathelo aluhluzi, into luyibeka njengoko luyibona yaye aluzidini ngokubuza mibuzo. Ukhona phofu umntu obenokuyivumela into yokuzibona ephoswa imibuzo nguye nabani na?

Andiqondi, kuba ke ngenene umntu unenkululeko yakhe, ke ukuhamba umiswa uhlatywa imibuzo kuba usaziwa kungakufaka engozini. Bubomi beli xesha ke obu futhi bulunge bunje kubantu babo.

Makhe sithi ubuntatheli obu bebusafana naphaya ngaphambili, apho ubani eberhubuluza engozini efuna iindaba yaye abantu bengawuqondi nomsebenzi wakhe na kakade, ndiyakuxelela ngekunzima!

Ewe, unyanisile okaMlandu lidabi likanondaba eli. Namhla ke umngeni yitekhnoloji efike yasenza sazibona ubunondaba xa sisonke.

Yinto esuke yawutshabhisa umsebenzi woonondaba leyo. Bakho ke oonondaba ababengenokusebenza ngeliya xesha lemfazwe eyayiseTransvaal, imfazwe awayeyilandela rhoqo uThandile Ntlangano. Xa kuthethwa ngoonondaba akudlalwa, oku sikwenzayo. Ndiniyekile!