Ngamani amaXaba?

AmaXaba ngamaHlubi. Kuthiwa umfazi wasemaHlubini ozala uXaba uzibule ngamawele. Iwele lokuqala ibe nguRhadebe laza iwele lesibini yanguXaba. Ngokodliwano-ndlebe noThukela Poswayo onguXaba isiduko noyimbongi yaseNgcobo, uthi: “UXaba warholelwa mhla wazala kuba wayexabile. UXaba kuthiwa akazange alincele ibele. Imbangi yoko kukuba kwathi kuba ingabantwana benkosi kwaqondwa ukuba ebudaleni baya kuthi babangisane ngobukhosi, kwaze ke kwagqitywa ekuthini elinye iwele elinguXaba libulawe. Uninakhulu wamba ngobusuku waze wenza unomgogwana wengcwaba ecaleni kwegoqo, wamthabatha uXaba waya kumfihla kwisizwe sabaThwa ekuthiwa ngamaThuse apho wahlala wade waba mdala. Uthe xa ebuyela emaHlubini wabuya ehamba namaNala, amaThuse nesizwe samaSimango.”

Xa bebongwa ooXaba bathiwa: Xaba bakwaNomjolikazi, OoNonkosi, OoNobenyuka, bakwaVongo, Mdini, Mvelase, Nombombozinde, Linda, Abantu abawela amanzi, Amdak’oThukela ngoqhiza, OoNonxas’iyakhathala, Amangelengele, Abantu basezixhotyeni, Oonongcungcul’ende, Abangaseli kuwo amadwala, Kuba besaba umlomo ukugobeka, Abantu abangabuthengiyo ubuhle, AmaHlubi mahle ngendalo, Abezizwe badlula emanzini, AmaXaba amanzi awadla ngaphakathi, Isibhushwana esanqamla, Amanzi oThukela ngoqhiza, Amaphinda ukuwela, UThukela baliwela beziintsana, Baphinda baliwela bebalek’ uTshaka, Abalal’emzini bahlinzelw’ ithokazi lenkomo, Abaqhekez’ isonka siy’ ebandl’ emadodeni, KwaXaba akusavalwa ngemivalo, Sekuvalwa ngamakhanda amadoda, AmaXabakazan’ angakwaz’ ukunyekeza, Anyekezelwa ngabanye, Kushukum’ amathamb’ omzi kaHlubi xa kuthethwa ngoXaba, Engekafiki uNonkosi amaHlubi akakapheleli!

UMbobo, E.J.A. (1939) kwinqaku elaphuma kwiphephandaba Umthunywa elithi, Izibongo zamaXaba, elaphuma ngoMgqibelo umhla wokuqala kwinyanga yoMsintsi, amaXaba uwabonga ngolu hlobo: NgabakwaMashwabada, Abashwabadela inkomo neempondo,

NgabakwaMgiqika njengethanga, BakwaLuvuno, BakwaMwelase, BakwaKhabane, Ngabakhaba udaka kwavela amanzi! Izizwana zonke zabikelana, zathi: “Yeheni maHlubi amahle anzipho zimnyama ngokuqhwayana, Nanga apho amanzi, Ningaphila na amanzi engekho?” Sathi thina, “Asingekhe.” Yimilotyw’abo Vezi, BakwaNyikiza kaVezi. Yimbokotho ebomvu yaseMlotyeni, Okwabola imbokotho kwasala umntu, Ngabaphekwa nelitye, Kwavuthwa ilitye kwasala abantu.

NgabakwaNqumnqum ngendukwana, Abagoba intshuntshe kaVezi, Kuba umkhonto omhle ukhethwa enyandeni. NgabakwaMbuyisa kaMthintanqaba, Inyoni enkulu esisila side, Esindwa kusuka; NgabakwaNombombozinde, BakwaNonxasiyakhathala, BakwaNonkosi, BakwaNomjoli! NgabakwaNonakanakana, amangqangqa, Abegumb’elikhulu lomhlanganiso, Zizala kubusa nokuncitshana, Ngamalinda amahle ngokulinda amasakazi.

Ngabakwamfazi onga uyemka kant’uyabuya, AmaXaba akanyekezelwa ngamaXabakazana. KwaXaba akusavalwa ngemivalo, Kuvalwa ngamakhanda amadoda, Ngabathunda enkundleni kwavele ithokazi! Halala! Halala!

Kwinqaku elavela kwiphephandaba Umthunywa womhla wamashumi amabini anesithandathu ngowe-1955 uSilver Belt wabhala wathi ngesiduko samaXaba: “Ndingekayi kude nje ndingathanda ukucacisa le ngongoma.

UNjongwe, uNdzamela, uJafta okanye uSimba baphuma ndodeni enye uZibindi. Xaba, Mz’omhle kaZibindi, Nonkosi, Nombombozinde, NgooNonxasiyakhathala, Imilotywa, Mashwabada, Abashwabadela inkomo neempondo zayo, OoLinda abazibaya zingavalwa ngamivalo, Zivalwa ngamakhanda amadoda, Ngamabandla angaseliyo engxangxasini, Asela kuphela kumanzi eziziba, Kuba ooyika imilomo iya kugoba, Kuba kaloku imilomo yabo ifana neyeengcungcu, Yimijoli!

Nazi iifani zooXaba: NgooSibotho eSterkspruit; ngooNtshaba kuNobhokhwe kuNgqwarhu phantsi kweNtaba zamaMabele-ntombi kuNgqwarhu; ngooQongqo kuNobhokhwe kuNgqwarhu phantsi kweentaba zaMabelentombi; ngooMatshaya eNgcobo; ngooMdlongwe eMt Flecher; ngooDinwa eNqabarha kuGatyane; ngooMgedezi eNtubeni naseRhamrha kuGatyane; ngooShosha eNqabarha kuGatyane naseNgqamakhwe; ngooMzomba eNqabarha naseGcuwa; ngooSiga eRhamrha kuGatyane; ngooMbinda eNqabarha kuGatyane naseMbewuleni eDutywa; ngooDodi eNgwane kuGatyane; ngooNgcingane eNgwane kuGatyane; ngooKhulwa eXonyeni kuGatyane; ngooNgwalangwala eXonyeni kuGatyane; ngooNtanga eXonyeni kuGatyane; ngooMakhwezela eNgqamakhwe naseTsomo; ngooNasi eNgqamakhwe naseTsomo; ngooKakana eNgqamakhwe naseTsomo; ngooNdzamela eNgqamakhwe naseTsomo; ngooDyubhele eMooiplaas eMonti; ngooNyheke eMooiplaas eMonti; ngooNtanjana eGcuwa eZazulwana; ngooMzantsi eMqanduli nakuTsolo; ngooMalibeni eMqanduli; ngooManakaza eMqanduli; ngooJokozela eMqanduli naseLibode; ngooHlathi eLurhwayizo naseMendu kuGatyane; ngooMaqhashu kuDayi kuGatyane; ngooThwala eMatatiyele; NgooNqabeni eKokstad nakuQumbu; ngooSolani phezu kweTsitsa kuQumbu; ngooSishuba eQach’s Nek; ngooFaku kwaBhaca eMt Frere; ngooNdambiyana eNgcobo; ngooMbobo eNgcobo naseSterkspruit; ngooPhoswayo eNgcobo; ngooXaba bakhona eNgcobo eAll Saints eNyanga, KwaZulu Natal naseRhawutini; ngooMoyakhe phezu koMbhashe eMthatha; ngooMondliwa kuCentane; NgooMfazwe eSterkspruit; NgooSobhuza eSterkspruit; NgooSandla eSterkspruit; NgooSolilizwe eLurhwayizo kuGatyane; ngooNonkosi eMzimkhulu; NgooDyakalashe eMt Frere; NgooMhlaba eMt Frere; ngooBhlowu eMt Frere; ngooMelamani eHewu; ngooThwalo eHewu; ngooSiyengo eHewu naseNgcobo; ngooMadikizela kuCentane nakuGatyane; NguNdobeni eNcise eMthatha naseMount Frere; NgooGazi eMqanduli; NgooNdambiyana eDutywa naseNgcobo; ngooMrhwebi eMount Frere nakuGatyane; ngooBhinca baseMount Frere; ngooMrhayise eMatatiyele; NgooJames kuTsolo; NgooMankune kuKomani; ngooMakhanda eNcise; NgooSibotho eSterkspruit; NgooSiphika eMount Frere; ngooPhoswa eMatatiyele; ngooNongawuza baseMount Frere; ngooNombekela eMount Frere; ngooDambuza eSterkspruit; NgooZonyani eNgqwarha eMqanduli; NgooMji baseMqanduli; ngooFayindlala baseDyoki naseKhowa; ngooNyakeni baseMount Frere; ngooNyakambi baseMount Frere; ngooFololo eKomani.

mtakamakuliwe@webmail.co.za 083 542 9474