Ngamani ooMiya?

UMiya kuthiwa liwele noThole, uNdlangisa. Oku kungqinwa ngoku kuxelwa yile ngcali ingezantsi, uBongela, K.S. kwincwadi yakhe ethi, ‘Amagontsi’ uthi xa ethetha ngooGcwanini: “Aba ngooMiya, ooMja, Sibewu, Salakulandelwa, Mancoba, Sijekula. BakwangooMakhaluza ooVezi. La madoda aphuma kwaNongoma eNatala. Kuvakala ukuba uNongoma wayeyinkosi yakwaZulu eyayinonyana owayenguSijekula.

USijekula lo wazeka intombi yenkosi waza wazala amawele. Waxabana noyise uNongoma waza wemka kwaNongoma eshiya loo mfazi emithi amawele weza kweli cala ngenxa yokukhalalana noyise lowo. Loo mawele abizwa ngokuba nguMiya noSithole. USithole namhlanje kuthiwa nguNdlangisa.

Le kaSalakulandelwa ivela kwinto yokuba uSijekula wala ukulandelwa xeshikweni wayegxothwa nguyise wathi yena akusafuni kulandelwa. Uya kuzihambela nabo athanda ukuhamba nabo,

Wathi akulishiya elakwaZulu, waza kuphuma kwaBhaca, wabuya wagqitha waya kuma eNgqushwa apho wazala uFakade noGanjana. Loo madoda abuya eza nganeno eqhuba iinkomo zawo ehamba neentsapho zawo.

Aya kuwela kuKomani anqumla eDodrecht eNgqamakhwe bahlukana bazizindlu ngezindlu. Nango amanye amaMiya koomaGatyana, Dutywa, Mthatha, njalo-njalo.”

Kudliwano-ndlebe noMnu. P.G. Qokweni onguMiya usibalisele wathi: “Ibali lithi impi yabakwaMiya yesuka kwaNongoma kwaZulu-Natala, iwel’imilambo enamagama, efana nale: uThukela, uMzimkhulu, uMthatha, uMbhashe.

Esi sizwe sithe sakuwuwela umlambo uMbhashe sazinza sazifumanela amanxiwa sazakhela imizi. Abanye babo bathe kanye ngethuba likaElefu lokufumanela umhlaba amaMfengu eNgqushwa bahamba naye baza baya kuma khona. Kodwa abanye babuya baphinda bayiwela iNciba kwakhona baze baya kuzinza komaNgqamakhwe, koomaDutywa, koomaGatyane njalo-njalo. Kuthiwa ke inxalenye yendlu kaQhaziyana ithe dwedelele kweliya laseNgqushwa.

Xa ndilanda le yasekhaya indlu yakwaQokweni, yona ihamba ngolu hlobo: Umntu wokuqala nguNgoma; uNgoma uzala uMalinge; uMalinge azale uTyelembe; uTyelembe azale uMdlankomo (ngenxa yeli gama lithi Mdlankomo abafazi bakwaMiya bathi inkomo yinombe); uMdlankomo azale uQhaziyana; uQhaziyana uzele oonyana abathathu, uzele uPoswa kwindlu enkulu, wazala uQokweni ekunene, wazala uPalafini eqadini.

UPoswa nanko eme eMunyu eDutywa, uQokweni nanko yena kuMaxhama eDutywa, uPalafini wafuduka eDutya waya kuma eMthentu eMthatha apho wathi wafikela kumaKhonjwayo awathi amamkela asebenzisana naye njengomntakwawo. Inzala kaPalafini ke nantso eMthatha.”

Kuthiwa xa kubongwa ooMiya: Miya, Gcwanini, Sibewu, Sijekula, Salakulandelwa, Mali ebomvu, Unyok’ emnyam’ ecandi iziziba, Nkonjan’ emnyam’ ecand’ iziziba, Mancoba, Mja, Rhengqwa, Sidinane ngokudin’abandakazi, Ifik’ intombi ithi emfaneni, Ndizeke nokuba awunankomo, Andinabhuti andinasisi, Andinamakazi andinamalume, Ath’ uGcwanini, “Yima ntombazana, Andenziwa njalo”, Ngoma, Mfingo, Ntswahla,Vakalisa, Mshweshwe, Ntabankulu! Ndisisijekul’esawe’uThukela lugcwele! Lo mzi wakwaGcwanini siya kusoloko siwukhumbula ngabantu abaninzi abazibaluleyo ekuphuhliseni inkcubeko yabantu baseMzantsi Afrika.

UMnu Sanuse Sakhiwo Doctor Nqoloba owayesakuba ngumsasazi kwisikhululo sosasazo iRadio Transkei ngowakwaMiya kwaGcwanini.

ngolwimi lwesiXhosa angengathi uyabonga, atsho ngezixwexwe zamazwi ezenza ukuba umphulaphuli ube nomfanekiso othe thaa wento leyo abalisa ngayo kwezo ndaba wayesakuba ezifunda. Lo mfo eso sikhululo wasenzela indumasi yokuthandwa ngabaphulaphuli abayinkumbula eninzi. Wayedume ngesiqhulo sakhe sokuba li “Rhamba lezixhobo zaseJulukuqu”.

Abamaziyo bakumkhumbula ngezangotshe zakhe ezazisithi: “Batshilo abazithandayo bezazi futhi iindaba!”, “Batshilo abasemfuthweni wolwazi!”, “Batshilo oonokrawuzana!” Uyatheth’ umntwan’ akwaPhindangene, uyatheth’ uMangosuthu!.

Kungoko ndithanda ukuba sitsho sonke ngelizwi elinye sisithi : “Umphefumlo wakhe mawulale ngoxolo!”

UMnu. Zolani Mkiva noyimbongi eyazibalula ngombongo othi, Ntengu Ntengu Macetyana, owabongwa ngethuba lokuqala lokukhululeka kwabaMnyama kwingcinezelo yabaMhlophe ngowesi siduko.

UZolani Mkiva udume ngokuba wathi eselula eneminyaka engama-23 wabonga lowo wabanguMongameli oNtsundu wokuqala eMzantsi Afrika uNkosi Nelson Mandela, xa wayefungiswa njengomongameli welizwe ngowe-1994.