Ngutitshalakazi waseMthatha uMiss Wild Coast

Obuye nesithsaba sikaMiss Wild Coast uThembelihle Qhina nongutitshalakazi eMthatha Umfanekiso: uthunyelwe.

“Esi sisiqalo sendlela entsha ebomini bam ekufuneka ndizinikele nangakumbi kuso ndikwazi nam ukwenza umohluko kwanotshintsho eluntwini. Kusekutsha kwaye akuqheleki nokubizwa njengalowo unesithsaba kwaye kungakholeleki.” Lowo nguThembelihle Qhina, 23, waseSibangweni eLibode nothathele kuye isithsaba sikaMiss Wild Coast.

UQhina ungutitshalakazi eFaith Christian School eMthatha nalapho ahlohla khona ulwimi lwesiXhosa. Uncokolele I’solezwe ephambi kwabantwana bakhe esikolweni besamvuyela ngempumelelo yakhe.

Uthi usenemincili kwaye engekakholelwa yimpumelelo yakhe kuba amagqiyazana ebekhuphisana nawo eqongeni ebezimisele nawo.

Lo nobuhle ukwavakalise ukuba isipho asifumeneyo kukhuphiswano sakuthi senze umahluko nakwimpilo yakhe.

UQhina uye wangoyena uvotelweyo ngabantu ngethuba kuvotwa kumaqonga onxibelelwano. Waphinda wazithengisa ngakumbi ngethuba esenza intetho esidlangalaleni.

Lo nobuhle uthi ubom bakhe bonke ubuchithele kwindawo yakhe yokuzalwa eO.R.Tambo kodwa oko akuthethi ukuba uza kuphuhlisa yona kuphela.

UQhina uthi kolwakhe uxanduva ebelunikwe ngabaphathi bokhuphiswano uye wathetha ngeHluleka Nature Reserve eseNyandeni kwindawo yakhe.

“Ndenze uphando ngeHluleka nalapho ndiye ndatyatyadula kuba yindawo yam endikhulele kuyo kwaye nendiyaziyo imingeni ejongene nayo.

Ndiye ndatsho ndafunda lukhulu ngephondo lam leMpuma Koloni. Bendingabazi ubuhle balo obungaka kwanokutyeba kweli phondo. Kwizicwangciso zam ndiza kuthi gqolo ndifundisa uluntu ngalo, ndifundise nangokubaluleka kokhenketho.

Uthi ufuna ukuba ngumzekelo kwabanye abantu abatsha abakumanye amacandelo, kuba esithi nangona engutitshalakazi nje oko akuthethi ukuba amaphupha enye into akanakuwafezekisa kwaye engenakuzivavanya.

UQhina ufunde amabanga akhe eZingisa Comprehensive High eMthatha waze wathwala isidanga eWalter Sisulu eMthatha kwezeMfundo.

Injongo yokhuphiswano lukaMiss Wild Coast kukuphuhlisa amanxweme eli phondo leMpuma Koloni, ukhenketho kwanokuphuhlisa amakhosikazi asematsha.

Uthe ubamba ngazo zozibini kubaququzeleli bolu khuphiswano ngethuba lokuziqaqambisa nokuvezwa kwetalente yabo.

Ukwabulele nakuluntu oluthe lamvotela.