‘Ningatsho koonesi ukuba uneCovid-19’

Oomongikazi besibhedlele saseGcuwa banxunguphele emva kokusondelelana nesigulana esigudlene nabantu abanentsholongwane yekhorona, kodwa usapho lwaso alwakudiza oku ngethuba esi sigulana singeniswa kumasango esibhedlele saseGcuwa.

Inkosikazi yaseMagalakangqa eGcuwa ingeniswe kwesi sibhedlele, kwicandelo leengxwelerha nabangxamisekileyo iCasualty, kubusuku bangoLwesithathu emva kokuquleka emzini wayo. Iziswe ngenqwelo yezigulana yenkampani yabucala.

Ayikhange igqibe neeyure ezimbini esibhedlele, yabhubha. Emva kokubhubha kwayo, umntwana wayo uxelele oomongikazi ukuba ufuna ukuthetha nto ithile, kuba woyikisela nobomi bakhe.

Umongikazi wesi sibhedlele uxelele I’solezwe lesiXhosa ngokuthethwe ngulo mntwana walo mfi.

“Uthe kuthi ufuna ukuthetha inyaniso, wabe sele esithi ‘Ndicela ukuthetha inyani bethuna, kuba nam ndisemngciphekweni wokufa. Kwammelwane wasekhaya, abantu baphaya banekhorona. Umama ebehamba phaya kula mzi’. Lithi ke elethu singoomongikazi, kutheni ke engakhange asixelele xa ningena kumasango esibhedlele ukuze sikwazi ukuzilungiselela?” kutsho lo mongikazi.

“Ukuphendula, lo sisi uthi inesi athethe nayo kwicandelo lee-ambulensi zabucala ithe angakalinge ayithethe le nto. Lo sisi uthi uxelelwe ngulo nesi wale ambulensi yabucala ukuba angaxeleli kwala magosa aqhuba iambulensi ukuba umama wakhe unekhorona,” utshilo umongikazi wesibhedlele saseGcuwa.

Le nto ibenze banxunguphala oomongikazi baseGcuwa. “Abantu beambulensi xa befika nesigulana baye basixelele ukuba eso sigulana sineempawu zekhorona. Izixhobo zokukhusela (PPE) zinqongophele kwisibhedlele saseGcuwa. Ingase zibe kwindawo zonke esibhedlele, hayi eCovid Ward kuphela,” kutsho umongikazi, esithi boyikisela ubomi babo.

“Asinazo izikhuseli ezaneleyo thina. Izikhuseli zikwiwadi yeCovid-19. Ezethu izikhuseli ziphelele kwiimaski nakwizixhobo zokukhusela izandla. Nangaphandle kwalo nto, umntu onekhorona kufuneka aye kwiwadi yakwaCovid, hayi ukuba aye kwaCasualty,” utshilo lo mongikazi.

Kwiveki ephelileyo, abasebenzi besibhedlele saseCumakala bathe babamba uqhankqalazo besithi:

“Saxelelwa ngabaphathi bethu besithi umntu onekhorona akanakulaliswa kwisibhedlele sethu, kodwa bayijikela lo nto balalisa abantu abanekhorona. Kutshanje kusweleke ugxa wethu ngenxa yekhorona, kuba isibhedlele sethu samkela abantu abanekhorona kodwa asikulungelanga oko. Asinazo izixhobo zokuzikhusela, sisebenza njengesiqhelo. Ingxaki ngoku kukuba siyaphela yikhorona,” utshilo umphangeli wakwisibhedlele saseCumakala.

Kwimbalelwano, imanyano yoomongikazi iDENOSA ilumkise ngelithi kuza ingxubakaxaka embi ngenxa yenani labosulelekayo, babe oomongikazi benqongophele.

“SiyiDENOSA sisaliphinda elokuba amalungu wethu makangabeki ubomi bawo emngciphekweni xa engenazikhuseli zaneleyo. Amalungu eDENOSA kwaneenkokheli zale manyano achaphazelekile yiCovid-19, abanye babo bathe basweleka,” itshilo le manyano.

INkulubaphathiswa uOscar Mabuyane umemelele kuluntu ukuba luhlale ezindlini, watsho esithi baza kusasaza amajoni angoomongikazi noogqirha ukuncedisa ekulweni esi sifo.

“La majoni aza kusasazwa apha ephondweni, kuzo zonke iindawo, ingakumbi eBhayi, eMonti, kuKomani naseMthatha. Ukufika kwawo siza kubona abantu abaphilayo kule ntsholongwane.

“Sibongoza abantu ukuba bazigcine ezindlini, abantu bangayi kwiindawo ezinabantu abaninzi. Inyaniso yeyokuba le ntsholongwane inobungozi, ayinalusini. Apho ihlasele khona, ishiya kucace ukuba ikhe yafika ingakumbi kubantu bakuthi abanezigulo ezifana neswekile, intliziyo, isifuba njalo njalo,” utshilo uMabuyane.

sithandiwe.velaphi@inl.co.za