Njingalwazi Mangaliso Sobukhwe: ‘Ze nikhumbule iAfrika’

Xa kuqala le nyanga yoKwindla sikhumbula uJambase, uNjingalwazi Mangaliso Sobukhwe neentshukumo zakhe zokulwa, esilwela inkululeko yabantu abamnyama.

Kwakungale nyanga ngo1960 apho eli gorha laseMaMfeneni lakhokela iqela lamadoda amnyama ukuya kuniwkezela ukuba babanjwe kwisikhululo samapolisa eOrlando.

Oku kwakubonakalisa ukuchasa kwabo ubukhoboka bokuphatha amapasi, babezincamile besithi baxolele undenze mayibuye iAfrika.

Okona kunika umdla ngezo ziganeko zakudala kukufumanisa ukuba uninzi lwezinto awayezithetha lo kaSobukhwe zazichaneke ngolona hlobo.

Ngaphandle kokuzinikezela emapoliseni besilwa namapasi ngomhla wamashumi amabini ananye, la madoda awatshisa la mapasi kamva.

Izimvo zakhe ezakhokelela kwesi siganeko sokuzinikezela emapoliseni zisafanelekile kunanamhla oku.

Wayekuchase kakhulu ukuba yinxalenye yendibanisela yemibutho yezopolitiko eyahlukeneyo, esithi oku kuza kuxuba izimvo zedabi lamaAfrika, kungoko yena noogxa bakhe beza noluvo oluthi bangamaAfrika Poqo.

Wayesithi makondliwe iingqondo zabantu baseAfrika ngemfundiso ukuze batyebe ngengqondo nolwazi ukuze bahlale bezihloniphile, behloniphe ubuAfrika.

Wayekwathi nabani ofuna ukuba yinxalenye yedabi lamaAfrika kumele ukuba amkele yonke imfundiso, iinkolo neminqweno yeAfrika. Kungenxa yoku okwabangela ukuba abongoze abafundi ababengoogxa bakhe eFort Hare ukuba ze bahlale bekhumbula iAfrika.

Asisenakuthetha ngezimvo zakhe kumcimbi womhlaba, izimvo zakhe ngomhla zazifanelekile ngoko kwaye zisafanelekile kunanamhla oku.

Ukuba zazondliwe ngenene iingqondo zamaAfrika ngokuzingca ngeAfrika ngezingekho iziganeko zokuba indoda enye itye imali yona nosapho lwayo belambile abantu baseAfrika.

Ngesele lakwazi kudala eli lizwekazi ukuzimela ngokwezimali ngaphandle kokuxhomekeka kwiimfundiso nezimvo zabanye abantu.

Kukungazazi nokungazingci okubangela ubusela, ubuqhophololo nokunyoluka okubangela ubomi obunzima kwabanye abantu.

Kumele ukuba sikhumbule kwiintetho zikaSobukhwe xa ebongoza amaAfrika ukuba ahlale ekhumbula iAfrika kwinto nganye abayenzayo.

Zininzi iziganeko zokukhumbula le Ngonyama yaseAfrika eziqhutywa ngamaziko emfundo ephakamileyo ngokukodwa ngale nyanga, kodwa umbuzo uthi kazi ukuba simve kakuhle na xa esithi ze sincede sikhumbule iAfrika.

Kwiveki ephelileyo eKapa kugxothwe abantu abadinga iindawo, imisebenzi negunya lobumi bethunyelwa apho bangaziyo. “Ze nincede nikhumbule iAfrika”