‘Obulele uJulius makabolele ejele’

ABAHLALI baseVergenoeg naseSun City eRhini bathi kunzima ukuyamkela indlela elibulawe ngayo ipolisa lale dolophu uWarrant Officer Alby Julius (48).

Abahlali bezi ndawo bath’ uJulius, ofunyenwe ebhubhile eSun City enamanxeba amaninzi okuhlatywa, ebenguMsamariya olungileyo othanda ukuhlala ngoxolo noluntu lwendawo yakhe.

Ngethuba kufunyanwa umzimba wakhe, kuqhatshelwe ukuba uthathiwe umnxeba wakhe weselula.

Abahlali babonakalise ukungaxoli ngokuthi babuthelane phambi kwenkundla kamantyi eRhini, apho bekuvela umrhanelwa oneminyaka engamashumi amathathu anesibini.

Lo mrhanelwa ubanjwe ngamapolisa, wabekwa ityala lokubulala uJulius.

Bavume amagwijo phambi kwenkundla abahlali, bephephezelisa namaxwebhu athi makanikwe isigwebo esiqatha umenzi wobubi. Inkokeli yabahlali uSandla Witbooi uthe: “Obulele uJulius makabolele ejele. Inkundla mayisive isikhalo sethu. UJulius ebelunge kakhulu engumntu wabantu.”

Isithethi samapolisa uKapteni Luvuyo Mjekula uthi amapolisa aphanda ngetyala lokubulawa kukaJulius. Ngaphezulu kwetyala lokubulala, lo mrhanelwa ukwabekwe ityala lokuphanga.

UMkomishinala wamapolisa aseMpuma Koloni uLieutenant General Liziwe Ntshinga udlulise amazwi ovelwano kusapho, abahlobo kwakunye noogxa bakaJulius.

Ityala liyaqhuba kwakhona ngomhla weshumi elinesihlanu kule nyanga.

abongile.ginya@inl.co.za