Ohamba ngamadolo ucela uncedo!

UNomgqibelo Tezaphi kwilali yakuQolo eLanti owenzakala umlenze ngo1997 eKapa, waphinda wonzakala omnye ngo2015imifanekiso: BHEKI RADEBE

“Ukuba ayisiso isitulo esihamba ngamavili ndibawela nokuba ndingabonelelwa ngoozenzele bezihlangu okokuba ndiphakame. Ukuhamba ngamadolo ayonto imnandi!” La ke ngamazwi kaNomgqibelo Thezaphi, 64, wakuQolo eLady Frere osele ehamba ngamadolo ngenxa yokonzakala imilenze yakhe yomibini nozicelela uncedo kurhulumente.

I’solezwe lesiXhosa lifike uThezaphi ezinabele ngasemnyango esitya umqa wentyabontyi .

Uyibalise yabuhlungu esithi wayengazazi ukuba ubomi bakhe bungaze bujike ngophanyazo kwaye buxhomekeke emntwini.

Emzini wakhe uhlala nomzukulwana wakhe oyinkwenkwe oneshumi elinesixhenxe leminyaka naxhomekeke kuye ngayo yonke into. Uthi ukuze apheke okanye acoce indlu, nkqu nokuchama oku, ulinda umzukulwana de abuye esikolweni.

“Umzukulwana uya esikolweni othule yonke into endizokuyidinga, ayibeke apha phantsi nditsho ndikwazi ukupheka. Wona umchamo neyesibini ndiyaziminca de abuye esikolweni azondiphakamisa andibeke etshembeni, nakhona andikwazi kuzinceda. Ndiphila loo mpilo yokunyamezela de ayokubuya esikolweni ngexesha lakhe, kaloku uyatshivela akafani nomntwana oyintombi. Sele kungcono ngoku kungafundwayo uhlala ekhona,” utshilo uThezaphi.

Uthi ukhule ezihambela kwaye ezezenzela yonke into. Ngoko ebesahlala eKhayelitsha kwidolophu yaseKapa apho wonzakala khona.

Le ntsokolo iqale ngo2015 eseKhayelitsha engena endlwini, waye watyibilika nto leyo yayomlalisa iinyanga ezintathu esibhedlele enyangwa unyawo, athi wayecinga kukukruneka nje kanti sisiqalo sobunzima.

Emva koko wabuyela emzini wakhe kuQolo ecinga uza kubangcono kanti kuza konzakala owesibini umlenze. Lo wesibini wakruneka esuka kumzi owawunomcimbi.

UThezaphi xa efuna ukuphuma ugaqa ngengubo kuba esithi amadolo akhe ayakhuthuka.

“Iinyawo zam sele ziyile ngubo niyibonayo kuba amadolo abuhlungu kwaye akhuhlekile kukuhamba ngawo. Ndicela isitulo sokuhamba oku kokuba ndikwazi ukwenza ezimbalwa izinto ndingahlali ndaweninye,” uvale ngelo uThezaphi.

Uthi babekhe bafika ooNontlalo bathatha iinkcukacha zakhe komnye unyaka angasawaziyo besithi baza kumnceda, uthi usajonge enkalweni zange babuye, kungazange kufike noncedo.

UThezaphi uthi wayincama ikliniki ugula ayeke kuba engakwazi kuhamba kwaye kungekho nantonga zimncedisayo. Nasedolophini wayeka ukuya kuba esithi uyazazi wayeba luxanduva ebantwini ngemini yokurhola, unikela abantu ikhadi bamkhuphele bamenzele neepasele zokutya.

USodolophu waseMalahleni, uNtombizanele Koni, ephendula I’solezwe lesiXhosa uthe: “Kokokuqala sisiva ngale meko kamama siza kuyilandelela. Sakuzinika ithuba lokuyombona, emva koko sinxibelelane namasebe karhulumente ekungawo ajongene noku. Ukanti sakuthi sijonge namashishini azimeleyo ukuba akanako na ukunceda ngesisa.Yonke lo nto iya kuxhomekeka kwimeko esimbone ekuyo eyakwenza ukuba kubelula ukuhambahamba,” utshilo uKowe.

Isithethi sesebe loPhuhliso lweNtlalo yoLuntu ePhondweni , uGcobani Maswana, impendulo yakhe kweli phephandaba ithe baza kukhe bakhangele.

Nabani na onokunceda angathumela iemail ku: isibhalo@inl.co.za okanye abhalele kuFacebook: ilisolezwe.