Oonoteksi bachase ibheyile ngakumbulali

Ooneteksi baseMthatha bathi bafuna ahlale eluvalelweni lowo utyholwa ngokudubula abulale umncedisi kwizithuthi zikawonkewonke kwidolophu yaseMthatha kwiinyanga ezimbini ezidlulileyo.

Ixhoba laseCorana eMthatha elineminyaka engamashumi amabini anesithandathu uSihle Mnto wadutyulwa wabulawa kudushe lweeteksi phakathi koonoteksi baseMthatha neLibode, osele lusube ubomi bamaxhoba abalelwa kwisine.

Umrhanelwa uLulamile Ntukwana (43) useselugcinweni lamapolisa kususela wabanjwa ngooKetshe ngomhla wokuqala kweyeSilimela.

Okwisigqeba sombutho weeteksi iMthatha Taxi Owners Association uthi inkundla mayimgcine ngaphakathi uNtukwana angafumani bheyile.

“Siyavuya uLulamile esahleli ejele ukususela oko wabanjwa. Inkundla mayazi ukuba asirhaleli kuziphindezela kuhlaselo lokubulala abantu bethu kodwa sihloniphe usapho lwakhe. Xa engakhutshwa hleze angakhuseleki ngenxa yeendlela zokucinga nemisindo yabantu ephezulu ngezenzo zakhe,” kutsho eli gosa.

Ngethuba umrhanelwa evela enkundleni ngoLwesine kwiveki ephelileyo, oonoteksi bebegcwelise inkundla lo gama abanye bebephakamise amaphekepheke ngaphandle kwenkundla bechasa isicelo sebheyile.

Umbuso uyasichasa isicelo sebheyile kodwa ummeli wakhe uNtuthuzelo Nolangeni uthi uNtukwana zange afunyanwe enetyala ngaphambili, lo nto ithi unelungelo lokunikwa ibheyile.

Kusenjalo, umantyi uGugulethu Namba uyalele umphandi wetyala ukuba enze iinzame zokusa umrhanelwa kugqirha nanjengoko ebekhala ngempilo enkenenkene.

Eli tyala limiselwe umvulo weveki ezayo ukuze kuqhutyelekwe nesicelo sebheyile somrhanelwa.

isibhalo@inl.co.za