Simshiyile unyaka ka2017 nemingeni yakhe, ngoku lithuba lokutyala ku-2018 ukuze athi xa ekekelela ekupheleni sixhamle kwisivuno soko sikulimileyo.
I’solezwe lincokole noosaziwayo abadume kumakhono namabakala ohlukeneyo, libangcambazisa ngabakucwangcisele unyaka ka-2018.
S’BONILE XOLO [ Umsunguli wenkampani yeempahla iS’bo Next Level ]
“ Kukonga imali nokukhulisa inkampani yam iS’bo Next Level.”
CLEMENT MOASA [ odlala njengoKwaito kwiSkeem Saam kwiSABC 1 ]
“ Ndibhalisela isidanga seeMasters kwizifundo zoMthetho, kwaye ndivula inkampani yomzi-mveliso ].
KHANYISA BUNU [ iQhula nomdlali kamabonakude ]
“ Ndicwangcisele ukuhambisa ivangeli yokuqhula kulo lonke ilizwe
IFANI [ Imvumi yomculo we-HipHop]
“Kulo nyaka ndizakwakha umzimba wam ( physical fitness ), umoya wam ( spiritual and emotional wellness ). Ndichithe ixesha nabantwana bam (uMusa ominyaka mihlanu, nomnye ozayo kwinyanga yoMdumba 2018).
MAFA BAVUMA [ Umsasazi woMhlobo Wenene FM ]
“Ukuphuhlisa isakhono sam kwezosasazo nokuzikhulisa; kananjalo ndichithe ixesha nosapho lwam.”
Ngamaziko olwazi kuphela anegunya lokuvelisa ulwazi?