Oosomashishini bathi mayibuyele KwaZulu Natal iMatatiele

OOSOMASHISHINI baseMatatiele bakholelwa ukuba ukubuyiselwa kwale dolophu kwiphondo laKwaZulu Natal linyathelo elilungileyo.

Yiminyaka eliqela umbutho iAfrican Independent Congress (AIC) usilwela ukuba ibuyele KwaZulu Natal iMatatiele, kuba bebanga ngelithi iinkonzo kungcono xa bezifumana kweliya iphondo endaweni yaseMpuma Koloni.

Kutshanje iinkokeli zeAIC neANC bezidibene ukuxovula le nyewe yaseMatatiele. La maqela mabini angena kurhulumente wenkazathi Ekurhuleni emva kokuba iANC isilele ekufumaneni isininzi kula masipala kunyulo lonyaka ophelileyo. Isibhambathiso esabekwa yiAIC etafileni ngethuba kutyikitywa le nkazathi yayikukuba iANC mayincede ikhawulezise inyewe yokubuyiselwa kweMatatiele eKZN.

Ngokweziphumo zendibano yakutshanje, iANC ide yagob’ uphondo ivuma ukuba iMatatiele mayibuyele eKZN.

Usomashishini waseMatatiele uDuncan Mafunda, uthi linyathelo elincomekayo eli.

“Imvakalelo yethu yeyokuba idolophu yethu iMatatiele yayingcono ngela thuba yayiphantsi kwephondo laKwaZulu Natal. Njengoosomashishini balapha eMatatiele, imali yethu siyichitha eThekwini endaweni yaseMpuma Koloni.

“Lo nto ithetha ukuba imali siyichitha eKZN kodwa iinkonzo sizifumana eMpuma Koloni,” utsho uMafunda.

“Ngokokucinga kwethu, ukubuyela eMatatiele kwakuba neziqhamo ezihle. Ngokomzekelo xa ujonga idolophu yaseMzimkhulu eyayikade iphantsi kwaseMpuma Koloni, kodwa ngoku iseKZN. Iinkonzo zingcono ngoku eMzimkhulu,” utshilo uMafunda.

Umbandela wokubuyiselwa kweMatatiele eKZN uzakuba nefuthe kulawulo lorhulumente waseMpuma Koloni.

Oku kuza kuthetha ukuba isabelo-mali sephondo siyehla, kwanenani loomasipala bayehla. Sithetha nje, ngokweenkcukacha zeZiko leeNkcukacha-Manani loMzantsi Afrika (Statistics South Africa) umasipala waseMatatiele uneeWadi ezingamashumi amabini anesithandathu kwanabantu abakuma-203 843.

USodolophu waseMatatiele uMomelezi Mbedla uthe: “Okwangoku singabe sisitsho ukuba ayikabi sosigqibo sikarhulumente [ukubuyiselwa] kweMatatiele KwaZulu Natal, koko isesisigqibo samaqela ezopolitiko phakathi kweAfrican Independent Congress neAfrican National Congress.”

Isigqibo sokubuyiselwa kweMatatiele eKZN sizakuxovulwa ePalamente, sandule ukuyiselwa kubantu baseMatatiele.

UMbedla uthi bazakulindela kwinkqubo yasePalamente, ze bandule ukuthabatha inxaxheba njengebhunga.