Ootitshala mabayeke ukujongela phantsi ezobugcisa

USiyasanga Madyibi phambi komsebenzi wobugcisa wabantwana, eGinsberg UMFANEKISO: ISOLEZWE

Xa kuthethwa ngeengxaki kwezemfundo siye sifumanise ukuba iiyunivesithi zithi ingxaki ikumabanga aphakamileyo ezikolweni, amabanga aphakamileyo ezikolweni athi amabanga aphantsi ngawo angaqeqeshi abafundi ngokufanelekileyo.

Kulapho iNelson Mandela Institute for Education and Rural Development ingenelela khona, ngokuphuhlisa ikharityhulam yamabanga aphantsi (Grade R – 3). Eli ziko lisebenzisana nezikolo ezikwiilali ezingqonge uMthatha neMbizana kwakunye neGinsberg eQonce.

Nangona eli ziko lincedisa kwizifundo zeelwimi kunye nezibalo likwazama ukuphuhlisa ukufundiswa kwezobugcisa ezikolweni.

“Ezobugcisa zibalulekile ekuncedisaneni neelwimi kunye nezibalo; abantwana baye bakwazi ukuqonda izibalo msinya. Ubugcisa bunceda abantwana ukuba bahlole ngaphandle kweempendulo eziselubala,” kutsho uSiyasanga Madyibi weli ziko ngethuba bevula umboniso womsebenzi wobugcisa wabantwana eSteve Biko Centre eGinsberg.

“Lo mboniso womsebenzi wobugcisa ubonisa iindawo zophuhliso lweentsana (Early Childhood Development Centres) zasekuhlaleni ukuba ziintoni ezinokusetyenziswa kumagumbi okufundela kwakunye nokubaluleka kwezobugcisa,” uqhube watsho uMadyibi.

Umboniso uphela ngoLwesihlanu, umhla wesine kweyeNkanga. Ootitshala, abafundi noluntu ngokubanzi banethuba lokuyokuzibonela umsebenzi wabanye abantwana oquka imizobo yemizimba yabo, imizobo yezixeko abasuka kuzo kunye nemisebenzi eyenziwe ngezi nto ezicholwe phandle.

“Ootitshala baye bacinge ukuba ‘Yho! Urhulumente akazokusithengela iipeyinti nodongwe. Thina siyababonisa ukuba hayi, chola chola izinto wenze ezobugcisa. Uninzi lwezinto esizisebenzise apha zizinto ebezithengiwe zalahlwa zaphinde zacholwa.”

OkaMadyibi wongeze ngelithi kufuneka kususwe le ngcingane yokuba ezobugcisa yinkcitho-xesha, “kufuneka batshintshe iingqondo ootitshala. Ingene into yokuba ezobugcisa zincedisana nokufunda komntana. Imizuzu nje engamashumi amathathu ngemini yanele. Iyakubanceda kakhulu ekuphuhliseni izakhona zabantwana eklasini!”

Uvale ngelithi kufuneka iinkqubo zeeArt for Teachers kwiiyunivesithi. Kusakothulwa lo msebenzi wabantwana ngoLwesihlanu kuzakubhalwa ingxelo ebhentsisa izifundiso zalo mboniso womsebenzi wobugcisa. Bazakujonga izinto ezisebenzileyo kunye nezingasebenzanga.