Oscar Mabuyane: Selani ngenkathalo, kungenjalo…

UMongameli Cyril Ramaphosa ekunye neNkulubaphathiswa uOscar Mabuyane UMFANEKISO: Facebook / ANC

INkulubaphathiswa yaseMpuma Koloni, uOscar Mabuyane, ubongoze uluntu lwephondo ukuba luziphathe ngendlela ngeli xesha lokuvulwa kwakhona kotywala, watsho esithi xa kunokwenyuka inani lolosuleleko ngenxa yotywala bakunyanzeleka ukuba bamemelele ekuqinisweni kwemithetho kwakhona.

Esenza intetho yarhoqo ngeveki, uMabuyane uthi kuxhomekeke kuluntu ukuba luthi lusebenzisa utywala necuba lube luyazi ukuba intsholongwane yeKhorona isekhona.

UMongameli Cyril Ramaphosa ubhengeze ukuba ilizwe lingena kwisigaba sesibini (Level 2) sokuvalwa kweentshukumo elizweni.

Esi sigaba sibangele ukuvulwa kwamaziko kwakunye nezinto eziliqela ebezivalile kuLevel 3, 4, 5. Okuqulathwe kulo Level 2, kuquka ukuvulwa kotywala, ukuthengiswa kwecuba, ukuvulwa kweendawo zokuzilolonga, ukuvulwa kweesinema, ukuvulwa kweehotele, imiyezo yezendalo nezilwanyana kwaneelwandle.

Kodwa uRamaphosa ulumkise ngelithi abantu kufuneka bahlabe bekhangele, kuba xa izinto zinokuba mbi ngokwale ntsholongwane, kungabuyelwa kwimiqathango engqingqwa kwakhona.

Kwiintsukwana nje ezimbalwa emva kokuvulwa kotywala ngomhla wokuqala kweyeSilimela, kwenzeka izehlo ezixhomisayo ephondweni ezayamene notywala ezifana neengozi ezindleleni ezazibangela ingxinano ezibhedlele, nto leyo eyabangela uMabuyane ukuba abhalele urhulumente kazwelonke efuna ukuba iMpuma Koloni ivale ukuthengiswa kotywala.

Noxa nje kungekho ngqiniseko yokuba samanyelwa kusini na isiphakamiso sikaMabuyane, kodwa utywala baye bavalwa kwiveki yesibini kwinyanga yeKhala.

UMabuyane ucele uluntu ukuba luthintele ulosuleleko lwesibini lweCovid-19. “Makuthotyelwe imiqathango kwanemithetho yezempilo efana nokuba kungabelwana ngesigarethi enye, kungaselwa utywala ngeglasi enye (ngabantu abaninzi) kwaye kungabanjwa matheko okuselela kwindawo enye.

“Ezi mveliso zimbini (icuba notywala) zingabangela ulosuleleko lwesibini xa zisetyenziswa gwenxa. Sikwamemelela kubantu abanezigulo abanazo ukuba bahambele kude ecubeni nasetywaleni.

“Ukuba nje sikhe saqaphela ukwenyuka kwezehlo zodandatheko ngenxa yotywala kwanolosuleleko olutsha lwale ntsholongwane, asinakuphozisa maseko ekumemeleleni ukuba kuphinde kufakwe imithetho eqatha kwezi mveliso,” utshilo uMabuyane.

UMabuyane ukwathe izikolo zephondo zikulungele ukwamkela abafundi ngoMvulo, esithi amanzi, ugutyulo lwelindle, izikhuseli-ntsholongwane (PPE) kwanokutya kulungele ukwamkela abafundi.

Kusenjalo, uMphathiswa weNtsebenziswano kuRhulumento neMicimbi yeeNkosi, uGqr. Nkosazana Dlamini-Zuma, ubhengeze ukuba ukuhambahamba kwaphakathi kwamaphondo kuvumelekile.

UDlamini-Zuma ukwathe ukubamba imicimbi yesiNtu kwamkelekile, kodwa abantu bangadluli kumashumi amahlanu, futhi kuthotyelwe imiqathango yokukhuselwa kwentsholongwane yeKhorona.