Phuncuka bemphethe, uZuma akayi ndawo

Usezakuzimilisela iinzipho kulawulo lwakhe uMongameli uJacob Zuma emva kokuphumelela elinye ilinge lokumsusa esihlalweni. Eli cebo lokumguzula belisuka ngaphakathi kumahlakani akhe angamalungu ekomiti embaxa kazwelonke yeANC (NEC) kuquka namalungu ekhabhinethi.

Oku kuza emva kokuba ephinde wanikwa elinye ithuba umongameli emva kwesigqibo sekomiti kazwelonke – nesesona sigqeba siphezulu seANC esenza izigqibo – sokukhaba isimemezelo sokuhlehlisa lo kaZuma esihlalweni kwintlanganiso ebibanjelwe kwihotele iSt George’s e-Irene, ePitoli, ebusuku ngoMvulo.

Nangona abanye besithi inkxaso yesigqeba esilawulayo ngakumongameli ibuthathaka, iingcali zopolitiko zilumkise ngelithi uZuma usenamandla oneleyo ukuzikhupha enkathazweni kwaye akazukuvuma ukuhla engalwanga.

Ethetha noonondaba eRhawutini ngoLwesibini, usosiba-jikelele weANC, uGwede Mantashe uthi umba wokuhla kukamongameli ushukuxwe banzi nangokunyanisekileyo kwintlanganiso yesigqeba ebibanjiwe nethe yakuphikisa ukuhliswa kukamongameli.

Kulandela intlanganiso ebibanjwe ngempela-veki nalapho umphathiswa wezokhenketho uDerek Hanekom nabanye abaphathiswa bevakalise ukungamthembi uZuma, umhlalutyi wezopolitiko * -Ongama Mtimka uthi kungakho idabi phakathi kwabo bamxhasayo nabo bangamxhasiyo umongameli.

Ethetha ne-Independent Media, uMtimka uthe: “Sinako ukubona ukungabikho kozinzo kunye nezenzo zokulambelana kumacala omabini. Abo bachasa uZuma bangazama ukuqoba amandla abachasi babo ngokuqhawula ukufikelela kwabo koovimba ngokuthi batshintshe ikhabhinethi. Kwelinye icala, abo banegxeke ngakuZuma bangazama ukufaka utshintsho ze balobe nemibutho ephikisayo ukuba iphakamise ukungamthembi uZuma”. Uqhube wathi umongameli usenegunya elaneleyo lokusebenzisa isikhundla sakhe ukwenza izigqibo zakhe eyedwa nanjengoko amaqabane amaninzi emjikele.

Eveza uluvo lwakhe, omnye umhlalutyi wezopolitiko uGqirha Mcebisi Ndletyana uthe “amalungu kaKhongolose aphume kula ntlanganiso yesigqeba ebonakala engakwazi ukuzikisa ukucinga kwaye izimbo zabo izezo zingenakuchazwa”. Uthi lo mbutho ulawulayo awukwazanga kuthi thaca etafileni izizathu zokuba uZuma ahlale kulawulo. UNdletyana uqhube wathi, eyona nto iqinisekileyo yeyokuba uZuma akazukubuya ngamva, uzakusebenzisa onke amandla anikwe wona njengomongameli ukuzikhusela. “Akayi ndawo uZuma,” kutsho uNdletyana.