Usekela mongameli wombutho olawulayo uCyril Ramaphosa, uxelele abalandeli beANC eBoitekong eRustenburg ukuba uluntu luyayithanda i-African National Congres (ANC).
URamaphosa ebekule ndawo ukuza kugaya inkxaso. Uthi nokuba imeko inzima kanjani kulo mbutho kodwa uluntu lusayilandela futhi luyayithanda iANC.
Ukwabulele inginginya yabalandeli balo mbutho ngenkxaso abayinikayo.
URamaphosa uthi imicelimngeni ejongene noluntu bayayazi efana namanzi, umbane, kwakunye nemisebenzi.
Usekela mphathiswa uthi izicwangciso abanazo zokukhawulelana nezo ngxaki.
‘MayingabingooNopopi ooCeba, mabasebenze ekuhlaleni njengoko bonyulelwe oko’