Rhabula ungafinci kubomi besithembu

Ingaba ubomi besithembu bunjani na? Ukuba nawe unomnqweno wokwazi impendulo yoku, yithi ntshoo amehlo akho ku-Dstv Channel 161 ngokuhlwa kwanamhlanje, uzivele kwabo babungcamlayo.

Uthando neSthembu yinkqubo entsha nelandela ubomi buka Musa Mseleku nabafazi bakhe abane, uMamkhulu (inkosikazi yokuqala), Mayeni (inkosikazi yesibini), MaKhumalo (inkosikazi yesithathu), kunye noMaNgwabe (inkosikazi yesine).

Le nkqubo izakuthi iphicothe ubudlelwane besithembu, iqwalasele intlalo yosapho, ukuhlala unyaniseke kwisiko kwixesha langoku, kwakunye nemvano yaba bafazi. Indlela ke ngathi khange ibe lula kula makhosikazi.

Aba bafazi bazakuthetha ngendlela abathi baziva ngayo ngethuba besaziswa kubomi besithembu. Bazakuthi bagxile kumba wokungazithembi nowathi wabangelwa bobu bomi, ukwaphuka kwentliziyo, ukwamkela ekugqibeleni, kwanokwakha ubuhlobo obuluqilima nabanye abafazi.

Ukanti ke kulo mzi ayikho inkosikazi eyogqitha enye kusapho lakwaMseleku, emyenini wabo ubathanda ngokulinganayo.

Ingaba benza njani ukuze kubasebenzele oku? Ingaba kukho indlela okanye imigaqo ekumele uyilandele? Okubalulekileyo, ingaba bamelana njani neentsapho zabo, kwanemibuzo ngale ndlela yokuphila?

Ungaphoswa ke yile ntlalo yobomi, ngokuhlwa namhlanje, ngentsimbi yesibhozo, Dstv Channel 161.