Sassa, iphi imali yethu?

Nangona abanye abantu sele beyigqibile imali yabo yendodla kodwa kunzima kwabanye abantu kuba abakayifumani imali yabo kusukela oko kuqale inyanga.

UNomathemba Mfenyana noneminyaka engamashumi amathandathu ananye, uxelele I’solezwe ukuba oko bequqa bebuyelela kwiiofisi zakwaSassa eKhayelitsha.

“Andiyazi ukuba siza kutya ntoni le nyanga yonke kuba kudala ndinyuka ndisehla ndizama ukulungisa le nto yokungafumani imali kwethu, kodwa ayide ilunge tu,” utshilo uMfenyana.

Uqhube wathi ngosuku lokuqala baxelelwa ngabasebenzi bakwaSassa ukuba oomatshini babo banengxaki kodwa ze baphinde bayokujonga.

“Ukusukela ngomhla wokuqala oko sisenza into enye. Sivukela apha ze basixelele ukuba masiyoyikhupha kodwa sifika ingooziro bodwa. Kanti sibhanxelwani ngaba bantu, kutheni bengasixeleli inyani ngemali yethu?” utshilo uMfenyana.

UNozuko Jamla noneminyaka engamashumi amathandathu anesixhenxe ubudala uthe kuphele nalo mali ebeyibolekile yokukhwela.

“Ngomhla wokuqala siza kufuna imali yethu sasiyibolekile, ngethemba lokuba siza kuthi xa sibuyela ezindlini sibe sele siyifumene, kodwa uSassa usihlisa esinyusa,” utshilo uJamla.

Uqhube wathi okubuhlungu kukuba bavuka kusemnyama bayobamba ilayini kodwa bahlala bebuya nembande yesikhova.

“Xa singazukuyifumana le mali uthi uSassa masitye ntoni kuba ukuba sikhe saqala saboleka imali sakuthi siyifumana sibe sibhatala ngayo amatyala yonke,” utshilo uJamla.

Baqhube bathi xa uSassa enengxaki okanye eza kuba nengxaki kufanele abazise kwangethuba ukuze balungise izinto zabo. “Ukuba banokusixelela inyani nje kungangcono kunale yokuba sibe sivukela apha yonke imihla bengasixeleli nto ibambekayo, sifuna imali yethu,” batshilo.

UNomfundo Mzi noneminyaka engamashumi amathathu anesihlanu ubudala, naye obesehla enyuka engade afumane imali, ukhale kakhulu ngendlela abaphethwe ngayo ngabasebenzi bakwaSassa.

“Njengokuba siphethwe kabuhlungu yinto yokungafumani mali nje basixelela ukuba mhlawumbi imali itsalwe zizinto esithanda ukuzifaka kuzo,” utshilo uMzi.

Othethela uSassa, uShivani Wahab, uthe ukukhawulelana nokutyiwa kwemali ngendlela engeyiyo sele kumiswe imirholo engange-6 000.

“Ngaphambi kokuba sifake imali kwisystem siye sijongisise iinkcukacha zomnikazi wemali kunye namagama asebhankini, ukuba ke azihambelani asiyifaki konke konke imali,” utshilo uWahab.

Uqhube wathi bonke abo bamsulwa bangayifumananga imali yabo kuza kufuneka bendwendwele isikhululo samapolisa ukuyokucela iAffidavit ze baye nayo kwiofisi yakwaSassa.

“Kwabo basebenzisa ibhanka zabo mabasincede beze neenkcukacha zeebhanka zabo ukulungisa le ngxaki,” utshilo uWahab. Watsho esithi bayaxolisa kakhulu kubantu abamsulwa abathe bachaphazeleka. Uqhube wathi kwabo banesikhalazo yindlela abathe baphathwa ngayo kuza kwenziwa uphando.