SASSA: Lumkelani oozungul’ ichele

I-Arhente ejongene nezibonelelo zikarhulumente eMpuma Koloni, iSASSA, ithi mawasetyenziswe amakhadi kaSASSA ngaphandle koloyiko ngabo batsala imali yabo ngokusebenzisa la makhadi.

Oku kuza emva kokuba amanye wala makhadi ephelelwa lixesha lawo kwinyanga yoMnga walo nyaka. Oozungul’ichele basebenzisa eli xesha ukulahlekisa abo bamkela inkam-nkam ngokubanxilisa, bethatha iinkcukacha zabo besithi baza kuvuselela amakhadi wabo.

Othethe egameni leSASSA eMpuma Koloni, uSandy Godlwana, uthi la makhadi alungiselelwe ukuba asebenze nasemva kokuba ephelelwe lixesha.“Sicela abantu ukuba baqhubeke ukusebenzisa amakhadi nasemva kokuba efikelele esiphelweni ngenyanga yoMnga, mabalindele kuthi sibaxelele okuza kuqhubeka emva kokuphelelwa kwala makhadi,” uthethe watsho Godlwana.Uthi benguSASSA abanabudlelwane neenkampani zonxibelelwano lweefowuni, iinkampani zabangcwabi, ezithengisa iimpahla ezithi zitsale imali yabo bamkela inkam-nkam.

Kunyaka ophelileyo, abahlali baseDebe Nek baxhatshazwe ngoozungul’ichele bethatha iinkcukacha zabo bethembisa ngokubavuselela amakhadi abo. “Abantu mabalumkele abantu ababatsalela umnxeba besithi basuka kwaSASSA, befuna iinkcukacha zabo,” ucacise watsho uGodlwana. Uthi aba bantu batsala umnxeba becela inombolo yesazisi, ipin okanye inombolo yekhadi lakwaSASSA. “Abantu mabohlukane nokunikisa ngeenkcukacha zabo kubantu abatsala umnxeba bengabazi, mabaxelele i-ofisi yethu phambi kokuba benze oko,” utsho uGodlwana.Abo badibana nale ngxaki bangatsalela uSASSA umnxeba phambi kokuba banikise ngezi nkcukacha kule nombolo engu 0800 60 10 11 yasimahla, itsho ingxelo kaSASSA. UMphathiswa weSebe loPhuhliso lweNtlalontle uBathabile Dlamini, uxelele uMzantsi Afrika ukuba iposi yeli yiyo ezakujongana noxanduva lokugqithisa iintlawulo zenkam-nkam.