Sikhokele Silili, Sikhokele!

Lo nyaka usemtsha kangaka siwungena sinethemba lokuba noko izinto zizakuba ngcono kukuhlala kwethu. Sithe sisawubuka seva ukuba ixabiso lamafutha okuntumeka naweenqwelo liyehla.

Sathi sisathe manga yileyo sabona amaziko emfundo ephakamileyo evuma ukugoba uphondo kwikhwelo lemfundo esimahla noxa bengekayiqondi nje ukuba uhamba njani lo mcimbi.

Andiyazi nokuba ndim na, kodwa isuke yangathi kokokuqala kule minyaka isithoba igqithileyo ukuba sibenethemba elingaka sisisizwe siphela.

Le yokuhla kwexabiso lamafutha siyayazi ukuba yenzeke ngenxa yokonyuka kwamandla eRandi, Randi leyo ethe yafumana ukomelela ngokuthi konyulwe uCyril Ramaphosa njengomongameli we-ANC.

Nithetha ukuba nemali le yethu ibisele idikiwe ngumongameli uJacob Zuma?

Sendizicingela ke ngoku ukuba emva kolonyulo lukazwelonke ngo2019 iRandi lingasemandleni ngakumbi?

Ukuba le Randi ibibuthathaka ngenxa yokuba iimarike zehlabathi zingakholwa ncam lulawulo lukaJacob Zuma, makakhawuleze afike unyaka wokuyeka kwakhe ukongamela khona ukuze kuzokwehla amaxabiso ezinto ngakumbi nangakumbi. Ingathi noko nabafundi ebebefunda umatriki ku2017 balinyusile inani labapasileyo.

Ewe, intle yona le nto, kodwa iphinde ibengumceli-mngeni kurhulumente kunye namasebe akhe ezemfundo ephakamileyo.

Xa lisanda inani labaphumelelayo ithi lo nto liyenyuka nalo inani labafuna ukungena kumaziko emfundo ephakamileyo.

Ndiyafuna ukuthi noko ibizameka ke le meko, kodwa ngoku emva kwesa sibhengezo sikamongameli semfundo yamahala kuzakuqhuma uthuli ngalo-January kumaziko emfundo ephakamileyo.

Kaloku la maziko okokuqala athi akukhange kubhungiswe nawo phambi kokuba kwenziwe esi sibhengezo, ithi lo nto abazilungiselelanga ukumelana neziphumo zaso.

Okunye bendikhe ndakuva kokokuba kwamphathiswa lowo wezimali zeli lizwe akanazicwangciso zokuba le mali yokufundisa abantwana besi sizwe iza kuvela phi.

Uyayibona ke ngoku ingxaki ejamelene nathi? Andifuni ukuba ngathi ndivimba ngemfundo, kodwa mna ndithi noko masikhe simlinde urhulumente enze imithetho nemigaqo ezakuncedisana nale mfundo yamahala.

Ngolu hlobo izinto zenzeka ngalo ngoku ziza kubaninzi iimpazamo, mpazamo ezo zizakuba zichitha ngexesha nangekamva labafundi besi sizwe.

Akungebi kuhle ukuba urhulumente simnike nokuba ngulo nyaka ka2018 ukuze ahlenga-hlengise imicimbi kucace icala? Size ke ngo2019 siqale sisazi sonke ukuba imfundo yethu imahala?

Buninzi ubutyobo obusele busenzeka ngoku ngokuba amanye amaziko emfundo ephezulu sele ebhengezile ukuba bona kulo nyaka bayawanyusa amaxabiso abo okubhalisa nokufunda. Kuyo yonke le miceli-mngeni isingqongileyo likhona noko ihlumelo lethemba, umlumiso osenza sizingise ekuzameleni impumelelo yethu.

Makasikhokele uSilili, mawakhule amandla eRandi, maliqhubekeke lihle ixabiso lamafutha, khona ukuze ukutya nezinye izinto esizidingayo zizokufikeleleka kuluntu lonke.

Masingene ke ku2018 sijolise imibombo yethu kwizinto ezintle ezingavela njengokuba kunuka utshintsho kwezopolitiko.