Sikhuthuzwa yiLotto!

Liwela umlambo ugcwele! Mholweni bantakwentu, nantsi intlungu mlisela nomthinjana: iLotto yadalelwa ukuza kukhuthuza abantu bakuthi.

Ngootsotsi abantu beLotto. Kumanani amathathu uwina iR50 qha, nokuba bangaphi aba winileyo! Ncedani khanenze uphando. Nokuba bawine baliwaka abantu ihlala iyiR50 qho kofumane amanani amathathu. Nokuba kuwine abayi-20 kufunyanwa iR50 qha. Kutheni?

– Mzukulwana kabawo uNomandele Ndele, kuGatyane