Singooqhwabel` ekhosi kumba wokuphuhliswa kweelwimi zesiNtu!

Kunyaka ka-2011, ilizwi liphume litsolile lisuka kuMphathiswa weSebe lezeMfundo ePhakamileyo, ubawo uBlade Nzimande, lisithi, wonke umfundi owenza isicelo sokufunda kumaziko emfundo enomsila eMzantsi Afrika, kumele abhalisele isifundo solwimi lwesintu oluthethwa kwelo phondo linelo ziko lemfundo enomsila afuna ukufunda kulo.

Umzekelo, ulwimi lwesintu oluthethwa ngabantu abaninzi eMpuma Koloni naseNtshona Koloni sisiXhosa, ngoko ke abafundi abaza kufunda kumaziko ala maphondo, kumele babhalisele nokufunda isiXhosa.

Ukuba umfundi ufuna ukufunda kumaziko aseThekwini, kumele abhalisele nezifundo zesiZulu, nanjengoko ulwimi lwesintu oluthethwa sisininzi eThekwini isisiZulu, ngokufanayo nabo bafundi baza kufunda kumaziko aseFreyistathi, kumele babhalisele izifundo zesiSotho, nanjengoko olu lwimi luthethwa ngabantu abaninzi abakwelo phondo.

Oku ke akuthethi ukuba umfundi akanalungelo lakuzikhethela ulwimi lwesintu anomdla wokulufunda ukuba lukho olunye oluthethwayo kwelo phondo ngaphandle kolo luthethwa sisininzi.

Amasebe eelwimi zaseAfrika eeyunivesithi ezifana neRhodes phantsi konjingalwazi uMavula-kuvaliwe Kaschula, iStellenbosch neYunivesithi yaseKapa, zinabafundi abaliqela abenza uphando baze bashicilele iiThesisi zophando-nzulu ezibhalwe nangaluphi ulwimi lwesintu kwezo lwimi zisesikweni ngokoMgaqo-siseko woMzantsi Afrika.

Nantsi imibuzo ke ngoku mawethu: Ingaba amaziko emfundo enomsila kumanxa endawoni malunga nalo mthetho wagunyaziswa kwiminyaka emihlanu egqithileyo?

Ingaba ngenene bonke abafundi abantetho zingezolwimi zesintu bayazifunda iilwimi zesintu kumaziko emfundo enomsila?

Ukuba akunjalo, oku kuthetha ukuba iziganeko zokucalulana ngokobuhlanga nangeelwimi ziseza kuthi gqolo apha eMzantsi Afrika. Uphando kaloku luyayigxininisa into yokuba, ukuthetha ulwimi lomnye umntu, kunegalelo ekwazini ngobuntu bakhe, imvelaphi yakhe, inkcubeko yakhe kwaye kukhokelela ekuhloniphaneni kwethu singabantu.

Ndiyalithakazelela iphulo lokugunyaziswa kwamaziko emfundo enomsila ekubeni afundise kwaye asungule amaphulo okufundiswa kweelwimi zesintu ngabo bathetha ezi lwimi njengeelwimi zenkobe, kwanabo baza kuzifunda njengolwimi olongezelelweyo.

Aba ke baza kufunda iilwimi zesintu njengeelwimi ezongezelelweyo, ngabo bangabemi basemzini, uninzi lwabo ngabantetho yasekhaya isisiNgesi nesiBhulu, kwanabo basuka kumanye amazwe. Okwangoku ke xa usiya kumaziko amaninzi emfundo enomsila, kuqapheleka ukuba aba bafundi bafunda iilwimi zesintu njengeelwimi ezongezelelweyo okanye ezo zokunxibelelana, ngabona baninzi.

Nangona kuncomeka nje oku, kodwa kusekukhulu ekumele kukwenziwa. Nditsho kuba uninzi lwaba bafundi basemzini bakumaziko emfundo enomsila bafunda isiXhosa okanye ezinye iilwimi zesintu, abaye baqhubekeke ngesiXhosa bade baye kufikelela kwinqanaba lokusifundisa njengolwimi olongezelelelweyo. Ngenxa yoku, kuphela kuvela iingxaki ezimbini.

Eyokuqala yeyokuba abafundi abantetho isisiXhosa, nabafunde isiXhosa njengolwimi lwasekhaya, iphele ingabo abaza kufundisa isiXhosa esikwinqanaba lolwimi olongezelelweyo, nokuba abanaso ngokupheleleyo isakhono sokufundisa ulwimi kwelo nqanaba.

Oku ke kuchaphazela umgangatho wokufundwa nokufundiswa kolwimi, luphele lungakhuli njengesifundo ezikolweni. Ingxaki yesibini yileyo ithwaxa izinga lokuzinza nokukhula kweelwimi zesintu njengezifundo ezikolweni ngokubanzi, leyo yingxaki yokunqongophala kootitshala beelwimi zesintu.

Kungangcono xa imibutho yezopolitiko neyombuso, ingakumbi leyo ijongene nokusetyenziswa, ukuphuhliswa nokuhlonitshwa kweelwimi neenkcubeko ezahlukileyo, inokuyinika ingqwalasela engagungqiyo imeko yokufundiswa kweelwimi zesintu, ukusukela kwinqanaba lemfundo esisiseko. Makuqalwe kwibanga likaGrade R ukusekwa kwamaqonga angawo okufundwa nokufundiswa kweelwimi zesintu ngabo bonke abemi boMzantsi Afrika. Kunanamhlanje azikabikho iincwadi ezizisikhokelo zokufundiswa kwesiXhosa esilulwimi olongezelelweyo ukusukela kuGrade R ukuya kuGrade 12. Liza kuphuhla lufundiswe njani ulwimi kwabo bantetho ingesosiXhosa xa kungekho ncwadi zakusifundisa. Masibhaleni zidwesha zakuthi ndiyanibongoza!

Ndicinga ukuba xa siza kuqala ukuzinzisa ukufundwa kweelwimi zesintu kumaziko emfundo enomsila afana neeyunivesithi, kufana nokubetha irhamba emsileni, kuba oko, kwakusifaka kweyona nkathazo inkulu. Ayikho indlu eyakhe yazinza yomelela ingenasiseko siluqilima!

Neeyunivesithi ziya kuthi ukuze zifumane abafundi abakumgangatho oncomekayo wolwazi lweelimi zesintu, ukuze abanye babo babe nokongeza kwinani elikhangeleka lishokoxekile lootitshala beelwimi zesintu, babe abo bafundi baqale nazo ezantsi iilwimi zesintu, benjenjalo ukunyuka nazo baye kufikelela kumaziko emfundo enomsila.

Ukuba senjenjalo, iilwimi zethu ziyakuphuhla, ziya kuzinza, ziya kukhula, ziya kuhlonitshwa kude kuhlonitshwe nabazithetha njengeelwimi zasekhaya, ziya kuthandwa kude kuzaliseke neenjongo zokwakhiwa kwesizwe esitsha esinganabuhlanga, isizwe esimoya mnye nesizwe esinabemi abakwazi kakuhle ukuthetha iilwimi ezahlukileyo!