Sipho Tanana 1932 – 2020

USipho Tanana ongasekhoyo

Akuvumi ndithule emva kokuva iindaba zokubhubha kukabawo uSipho Tanana.

Ewe kakade indoda ikhula, iguge, igoduke, kodwa imbi indoda ehamba ingaphethe ngxelo ukuya kooyisemkhulu.

Kuwe asithandabuzi ukuba intle ingxelo oya kuyinika ooVeleli, ooSandile noMaxhobayakhawuleza. Kaloku imisebenzi yonke uyenzile, akuvumanga ukumshiya ngasemva uNoloyiso, ewe kunjalo Tshawe, indoda enkulu yekhaya ifa naNkosi xa kunyanzelekile.

Tshawe sikubonile unqanda, ucenga, ucebisa njengesisele senyathi sendlu kaRharhabe, mhle umzi ngeentloko ezimhlophe zekhaya.

Hamba Mdange kaTshiwo, uzumxelele uSandile uthi iCamagu likaRharhabe libuyile livunywe nanguNonibe koMkhulu ePitoli.

Njengenyange akuvumanga ukubashiya bezinkedama abantwana bakaSandile, uvule indlela kwavel’ uVululwandle ethwele umnweba wamaRharhabe.

Ubunzulu bolwazi kuwe buncelwe ziintsana, iiNkosi neKumkani zendlu kaXhosa kwamhla mnene.

Hamba Tshawe kuba uligqibile ityala ebelixake abaxhaka, kunamhla sitsho singathandabuzi sithi Aaaaa!!!!! Vululwandle.

Uzungamfihleli uLennox Sebe ngeenzingo ezintsha ezivela ngaseNtshona, uzumxelele uMabandla uthi indlala ibuyile kwesi sizwe. ENqadu uyaziwa kuba uliPhahla-Nkosi elithembeke ngenxa yokuthanda isizwe sikaXhosa, hamb’ uhambe ke mfo kaTanana.

Ndizivile izandi zentaba kaNdoda, zingqina zisithi ngenene uhambile uSipho Tanana, ingqokoqho yokugqibela kumadoda ayekhe abonwa ehamba noSandile eTyhume ngenye imini.

ITyhume lincokole noTyali limbalisela ngokuza kwendoda evela emhlabeni isinge kwelemimoya, kwathi kanti uyaziwa uTanana lo kulo ngontsi yezizwe zikaTshiwo noTshawe.

Hamba ke mfo wasemzini uwagqibile amaqhina ebecinezele indlu kaSandile, thatha emxinwa indlela usinge kumanyange aseMaTshaweni, kuba ebanzi ihanjwa ngamagwala.

Ze ningalili kuba nohlaza amabutho kaLaganda, vumani ingoma, nivumele le ngwebedla yasemaTshaweni uSipho Tanana.