Siyavula: Uncedo kwizibalo nesayensi simahla

Ngokuya zisanda iingxoxo ngendima yezobuchwepheshe kwezemfundo, kukwakho nabantu abalungiselela abo sebeqalile ukusebenzisa umnatha wonxibelelwano kwizifundo zabo.

Kuvakala ukuba ootitshala basenoloyiko lokuba xa kuziswa izinto ezifana neWIFI neeTablets kwaye bevunyelwa abafundi ukuba bafunde nakwiifowni zabo, bangaphela bephazamiseka, bengena kooWhatsapp nooFacebook.

Olo loyiko lusenokuhamba luhambe lunciphe basakuva ukuba kukho isixhobo esitsha kumnatha wonxibelelwano; isixhobo sokunceda abafundi besikolo esiphakamileyo; ukusukela kwibakala lesibhozo ukuyokutsho kweleshumi elinesibini.

Chwethe-chwetheza uthi: www.siyavula.com kwikhompyutha okanye kwifowni yakho, ufake iinkcukacha zakho uqale ukuthubeleza phakathi kwezifundo zezibalo nesayensi ezenziwe lula ngabakwaSiyavula. Sibhala nje sekuxhamle abafundi abangapha kwezigidi ezilishumi kweli khasi lomnatha. Umfundi uyangena kuyo, aphendule imibuzo, osogqiba ayithumele. Impendulo nezilungiso zibuya ngoko nangoko kwaye zimcacisela ukuba ubhude phi, angalungisa phi.

Ezimnandi zezokuba konke oku kusimahla.

“Ubuchwepheshe kwezemfundo budla ngokufuna ukuba umntu abenobuxhakaxhaka obuxabisayo, abeneData kwaye abhatale amaxabiso axhomileyo rhoqo. Thina asenzi njalo; ikhasi lethu lomnatha livuleka nakweyiphi na ikhomyutha nefowni kwaye aliyisengi kakhulu iData; lide lingayityi nokuyitya iData yakho xa ukuVodacom,” kutsho uMark Horner, ingqonyela kaSiyavula.

Ukuze umfundi aqiniseke ukuba ezi zifundo zihlala zisimahla kuye kufuneka ayokubhalisa pha ku-www.siyavula.com aze aqinisekise ukuba uyazigqiba ezo azibekelwe ukuba azigqibe qho ngeveki.

Usakugqiba iiveki ezintathu uzenza zonke rhoqo ozibekelweyo, uye uphiwe inyanga yonke yokungena kwezinye izifundo zezibalo nesayensi simahla.