Siyikhathalele kangakani indalo yethu?

Naphi na apho sihamba khona, singqongwe yindalo. Indalo ke iyakwazi ukwenza ekuthandayo, ngexesha layo, futhi ayibhungisi mntwini.

Kutshanje sikhe sabona kumaphondo afana neKwaZulu Natal okanye iRhawuti, kusina ngamandla imvula, nto leyo ekhokelele ekukhukulisweni kwemoto nezindlu. Inga iintsapho ezithe zachaphazeleka koku, ingakumbi abo bathe baswelekelwa zizihlobo zabo, bangafumana ukuthuthuzeleka kwanoncedo olukhawulezileyo.

Noxa nje ezimvula zifike zatshabalalisa, lona ithontsi – okanye izandyondyo buqu – yinto ebekudala siyifuna. Imilambo namadami ebethe kroqo kukoma.

Ooamasipala abaliqela bebesele beqalisile ukukhupha izibhengezo becela uluntu ukuba longe amanzi. Kwimimandla efana neGcuwa naseMonti, bekusele kunzima kumadami. EGcuwa bekukhe kudlule neeveki ezimbini kungekho nala wosela.

Yonke ke le nto, ibuyela kumahlwempu – iimpula zikalujaca – kuba zizo eziye zichaphazeleke xa kungekho manzi. Kodwa ke naku okubalulekileyo: Siyikhathalela kangakanani indalo yethu? Ngubani okhe azidine athi nangona nje ebona kukho inkunkuma endaweni aqonde ukuba loo plastiki okanye elophepha aliphetheyo uyakulilahla xa efumene umgqomo olungiselwe oko?

Kuba kaloku xa imvula isina ngendlela egqithisileyo, njengoko sibonile KwaZulu Natal naseRhawutini, lo nto ithetha ukuba kukho okugwenxa ngemozulu yethu.

Ukutshintsha kwemozulu kubangelwa lungcoliseko lwendalo. Asinto abantu abavame ukuyisela so le yokukhathalela indalo, kodwa ezi mpuphuma zigqithisileyo ziyasixelela ukuba kufuneka sitshintshe kwindlela esenza ngayo izinto.

Le ngxaki ayikho kuluntu kuphela, noomasipala banobubhutyubhutyu bokungakwazi ukulawula indalo.

Ufike ngakwisakhiwo sikamasipala kuvuza amanzi emibhobheni kodwa lo masipala uxakekile ekhuthaza abantu ukuba bonge amanzi.

Ngokomzekelo kumasipala waseMnquma eGcuwa, abahlali bale ndawo bathi idami lalapha ligcwala msinya, liphinde litshe msinya, kuba lingcolile. Bathi xa linokugutyulwa, amanzi angahlala ixesha elide.