‘Siyinqobile iKhorona!’

UDideka Phuza ngomnye wabalishumi elinesibini abakhululwe kwisibhedlele saseGlen Grey emva kokuba kwenziwe uvavanyo oluqinisekise ukuba abasenayo iKhorona.

Kwiveki ephelileyo kungeniswe abantu abalishumi elinesibhozo kwesi sibhedlele bevela kwilali yaseBankies kwakumasipala waseMalahleni eCacadu.

Egameni leli qela, uDideka Phuza akakhange akwazi ukuzibamba, ebulela ngokukodwa kwiinkokheli zephondo leMpuma Koloni.

“Siyinqobile thina iKhorona, kodwa sibulela ngokungazenzisiyo kwiNkulubaphathiswa, uMphathiswa weMpilo noSodolophu waseMalahleni, siyabulela kakhulu kuba siyinqobile thina iKhorona ngenxa yabo,” kucacisa uPhuza.

Uthi iNkulubaphathiswa uOscar Mabuyane uze ngokwakhe eze kubanika ithemba, uMphathiswa wezeMpilo uSindiswa Gomba naye ubanike inkxaso, kutsho uPhuza.

“Andazi ukuba ndingabulela njani kuSodolophu waseMalahleni, asikhange silambe, asikhange sidinge nto, abantwana babantu bebephuma bengena kule ndawo besivalelwe kuyo besinika lonke uncedo, sithandaza, sicula sizama ukulwa uxinizelelo,” kucacisa uPhuza.

Phakathi kwabantu abe bengeniswe kwesi sibhedlele ngenxa yokosulelwa sesi sifo bekukho usana oluneminyaka emibini kuphela.

USodolophu womasipala waseMalahleni uNontombazana Koni uthi kuyamvuyisa ukubona abantu abaphilileyo kwesi sifo.

“Bekungelula, ndivuyela ukuba bephuma bephilile, aba baza kusincedisa ukulwa nokufundisa abanye abantu, bafungile ukuba abafuni neendwendwe emizini yabo, ndivuya kakhulu,” kutsho uKoni.

Ukanti uPhuza utyhola ukuba kwesi sibhedlele kukho umongikazi oyindoda owabaxelela ukuba bosulelwe yiKhorona ngenxa yokungakwazi kuziphatha.

“Kubantu abasikhathaleleyo apha ndinganesono ukuba ndingalibala umntu ekuthwa nguFatuse, siyambulela loo mntwana womntu, abanye abantu bebesoyika,” kutsho uPhuza.

Aba bantu basuka kwilali yaseBankies emva kokosulelwa yiKhorona kwisingcwabo esasiqhutywa kule ndawo.

Ekupheleni kweveki ephelileyo, uMasipala waseMalahleni ekunye nomasipala wesithili saseChris Hani bathumele igqiza lamagosa kula lali. Osisithethi sikaMasipaa waseMalahleni uLuthando Nqumkana ucacisa isizathu sotyelelo lwabo kwilali abavela kuyo aba. “Ingxaki esinayo phaya abantu abathobeli miqathango bayahambelana, benza zonke izinto ekuthwa mazingenziwa, kodwa amagosa achithe imini yonke ebafundisa, siyathemba baza kusebenzisana ngoku,” kutsho uNqumkana.

Ilizwe loMzantsi Afrika linabantu abangaphezu kwamawaka amane obusulelwe sisifo seKhorona, babe liwaka namakhulu amane abaphilileyo logama bengamashumi asibhozo anesixhenxe ababhubhileyo.

Ukanti izigidi ezibini zabantu kwihlabathi zichazwe ukuba zosulelekile sesi sifo seKhorona. KuMasipala waseMalahleni uninzi oluthethe neli phephandaba liziqhwabela izandla iinkqubo zikarhulumente eziquka ukulawulwa kwemingcwabo nokunqunyanyiswa kotywala.

Isithethi sesebe lezeMpilo eMpuma Koloni uSizwe Kupelo akakhange akuphikise ukuba aba bantu baphumile, kwaye baphume bephilile kwesi sibhedlele.

siyabulela.mqikela@inl.co.za