Sizilile isizwe sabaThembu

Sizilile isizwe sabaThembu eMthatha, emva kokushiywa nguNkosi Jongikhwezi Mtirara emva kwedabi elide nesifo seswekile.

Othethe egameni lela komkhulu uNkosi Daludumo Mtirara uthi, balusizi ukushiywa yile nkosi ngamaxesha anzima kwesasizwe.

“Okona kubuhlungu kukuba uJongikhwezi uhamba ngexesha isizwe sabaThembu sisengxakini yokungabina Kumkani, akukho nabani ubambele endaweni yeKumkani,” ucacise watsho uMtirara.

Uhambisa athi uNkosi Jongikhwezi usebenze nzima, esebenzela ukuba kubekho uzinzo noxolo kubukhosi babaThembu.

“Kwintlanganiso ebesinayo ekuqaleni kwalo nyaka udlale indima enkulu ukusebenzela umanyano kwesi sizwe saba Thembu, uhamba singekafiki kwinqanaba lokutyumba umntu ozakubambela iKumkani,” utsho uMtirara.

Le nkosi ikhothama ilindele ukuva ngenkqubela phambili kwikomishini ejoliswe ukutyumba umntu ozakubambela uKumkani uDalindyebo.

UDalindyebo ungene eziseleni ukusukela ngomhla wamashumi amathathu kwinyanga kaDisemba wonyaka ophelileyo.

UNkosi Mtirara ubhubhe ngoLwesihlanu umhla wamashumi amabini anesixhenxe kule nyanga kaCanzibe kwisibhedlele sabucala saseMthatha.

UDaludumo umemelele isizwe sabaThembu ukuba sigcine umbono kaJongikhwezi sokumanyanisa isizwe sabaThembu.

UNkosi Jongikhwezi uzalwa nguNkosi Bambilanga Mtirara ongasekhoyo, yena ushiya ngasemva inkosikazi yakhe uNomonti kunye nabantwana bakhe.

“Silungiselela ukumngcwaba ngomhla wesine kule nyanga yeSilimela, ekhayeni lakhe eMthatha, kwaye silindele zonke iiNkosi zabaThembu nezinye izizwe,” ucacise watsho uMtirara.

Le nkosi ibikuphela kwayo ephilayo koonyana bakaNkosi Bambilanga Mtirara, ibizinikele ukusebenzela ukubiyiswa kwesidima kwisizwe sabaThembu, itsho ingxelo.

siyabulela.mqikela@inl.co.za