Solombela: UMandela waseLife St Dominics

UGQirha Siyolo Solombela

UGQIRHA, ithandazwe, ingqondi, itshantliziyo, uMandela waseLife St Dominics kwanomthandi womculo weKwaito kwelinye icala.

Le yindlela, kwezo zininzi, abazili abamchaze ngayo uGqirha Archie Cornelius Siyolo Solombela kwinkonzo yakhe yesikhumbuzo eAbbotsford Christian Centre eMonti izolo. USolombela ubhubhele ePitoli emva kokuphathwa yingulo.

Abazili ngokoogxa bakhe, abebequka namagqala woMkhonto weSizwe kwanabo bebenyangwa ngulo gqirha, bavume ngamxhelo mnye ngendima edlalwe nguSolombela, hayi nje kunyango loluntu koko nakumzabalazo wokukhulula umntu omnyama kwingcinezelo.

UGqirha Solombela uzalwe ngomhla wamashumi amabini anesibini kweyoMqungu ngo1951, ezalwa nguSamson Ndleleni kwanoNdileka Nobandla Solombela.

USolombela uzalelwe eZazulwana eGcuwa, wafunda amabanga akhe aphantsi apho eZazulwana kwisikolo iVeldtman Bantu Community School wandula ukuya eSt Johns College eMthatha emva koko waya eWentworth kwiYunivesithi yaseNatal, eneminyaka elishumi elinesithandathu apho wafumana khona iziqinisekiso (MBChB) zobugqirha.

USolombela ebeyingcaphephe (physician) kunyango loluntu esebenza kwizibhedlele ezihlanu eMonti – eFrere, eCecilia Makiwane, Life St Dominics, Life Beacon Bay kwaneEast London Private.

“Unyango kuye ibingeloshishino, koko ibiyindlela yokuzinikela eluntwini,” utshilo uGqirha Mthandeki Xhamlashe, ingqonyela yaseCecilia Makiwane.

Yena uMzulungile Nodikida, usihlalo weSouth African Medical Association eMpuma Koloni, uthi uSolombela ebeyindoda yamazwi ambalwa nentshukumo eninzi. “Sisipho esingenambaliso ukuba nolwazi lwepolitiki kwanelokunyanga, ze emva koko uthande abantu belizwe lakho. Yimfundiso le siyishiyelwe ngulo tata, futhi inga oogqirha abasebatsha bangafunda lukhulu kuye,” utshilo uNodikida.

Noxa nje ebethanda umculo womngqungqo, kuvakele ukuba ebekwayithanda neKwaito. Oogxa bakhe eLife St Dominics bathi bebembiza njengoMandela wala ndawo.

Emva koqeqesho, uGqirha Solombela usebenze kancinane kwisibhedlele iLivingstone eBhayi ngo1975. Ngo1977 wavula indawo yakhe yabucala yokunyanga eNgqeleni ze ngo1984 wavula indawo yabucala eGcuwa.

UGqirha Solombela, oza kungcwatyelwa eZazulwana ngoMgqibelo, ushiya ngasemva inkosikazi yakhe uPinky nabantwana abathathu uFezile, Sibongile noKwanele abazukulwana abasixhenxe kwanoosisi abathathu. Lala ngoxolo Radebe!