Sukuya nokuba akunyanzelekanga emngcwabeni

Umngcwabo ngowona msitho utyumza iintliziyo zabaninzi ngenxa yonobangela wokubhubha kwelo lungu losapho.

EMpuma Koloni, kwankqu nakweyiphi na indawo elizweni, imingcwabo yeyona nto exatyiswe kakhulu kuba kulapho abantu baye bafumane ithuba lokuthi ndlelantle kwizihlobo zabo.

Umcelimngeni oziswe yintsholongwane yekhorona ufuna ukuba sitshintshe indlela yokwenza izinto.

Kukho ubungqina obayamanisa ukuzinyaswa kwezingcwabo kwanokunwenwa kwentsholongwane yekhorona.

Iphondo leMpuma Koloni libonile okwenzeke kwisingcwabo ebesibanjelwe eSajonisi apho amalungu osapho (abantu abathandathu) baye bafunyaniswa benentsholongwane yekhorona.

Akuphelelanga apho, abasebenzi bomzi wogcinozidumbu abebesebenza kulo mngcwabo waseSajonisi bafunyaniswe benayo le ntsholongwane.

Xa uya eBhayi, nalapho yinto enye. Omnye wabo bebezimase esa singcwabo, umongikazi, sele ebhubhile ngenxa yentsholongwane yekhorona.

Ukunyuka ngesantya kwamanani eBhayi, ngaphandle kwamathandabuzo, kunento yokwenza nokuzinyaswa kwesa singcwabo.

NaseCacadu yinto enye. Amanani axhume aphezulu ngenxa yokuzinyaswa kwesingcwabo.

Ngoku urhulumente waseMpuma Koloni ufuna kungabikho kuphekwa kokutya futhi iiyure zemingcwabo zifinyezwe.

UMphathiswa wezeMpilo ephondweni uSindiswa Gomba ubongoza kwiNkulubaphathiswa uOscar Mabuyane ukuba ibe ngabantu bosapho nabomzi wokungcwaba kuphela abazimasa umngcwabo.

Enye into ekufuneka iqondiwe kukuba nokuba inani labo bazimase isingcwabo lingakanani, abantu baza kosuleleka yile ntsholongwane yekhorona xa bengabeki phambili imiqathango yokuzikhusela.

Nokuba abantu balishumi basenokosulelana xa bengabeki phambili imiqathango yokuzikhusela. Into ebalulekileyo kukuba ubani angayi esingcwabeni xa kungekho mfuneko.

Masizame ukunqanda ukunwenwa kwale ntsholongwane ngaphandle kokuba side sibekwe iliso ngabezomthetho.

Ukhuseleko lwethu lubaluleke kakhulu.

Hlala endlini uphume kuphela xa kunyanzelekile, ngokuya kuthenga ukutya okanye usiya kwiinkonzo zezempilo.

Masihlambe izandla zethu rhoqo futhi sizikhwebule kwiindibano zasezidlangalaleni, singabulisani ngesandla.