‘Tata sukumbulala umama’

Isihlobo sikaNokuthula Noluvo Mandondo uThembisa Bosha (ekunene), xeshikweni ebalisa ngendla isihlobo sakhe sibulewe ngayo ngumyeni waso phambi kwakhe ecaleni kwebhedi alala kuyo

… ndiye ndathatha usana lwam oluneenyanga ezintathu ebhedini, ndabaleka ndingazi ukuba uyakuphuma athini kum,” kutsho uBosha.

UBosha uthi akucinga ngendlela ahlatywe ngayo uNokuthula, asothule phezulu isikhalo. “Bendikade ndisoyika ndinemibono yokwenzekileyo kuba yonke le nto iqalele phambi kwam.

Amapolisa kwakunye nemoto ethwala izigulane zifike ngokukhawuleza emva kokuba zitsalelwe umnxeba nguBhosha, kodwa wabe sele ebhubhile uNokuthula.

Ngokwengxelo yosapho, uSicelo noNokuthula bebekuthanda ukuxabana. USicelo ebetyhola uNokuthula ngokrexezo nangona nje kusithiwa akazange ambambe endodeni nangosuku olunye.

UVuyani Notshezi, osisihlobo kuSicelo, uthi uSicelo ingxaki yesikhwele ebenayo kodwa ebekwanayo nengulo ngokwasengqondweni.

“Ebekhe abenamaxesha okubona abantu yedwa esingababoniyo thina esithi ngabantu abalala nomfazi wakhe,” utshilo uNotshezi.

Ngethuba eyokubonwa kuvalelo lwamapolisa ngeCawe, uSicelo ubuze abantu bakowabo ukuba kwenzeke ntoni.

“Usibuze ukuba yinyani na into yokuba nguye obulele umfazi wakhe. Xa simxelela ukuba yinyani, uthe singaphindi siyombona eluvalelweni lwamapolisa kuba naye uza kuzibulala,” kutsho uNotshezi.

USicelo uvelile kwinkundla kamantyi waseQumrha ngoMvulo ze wabekwa ityala lokubulala. Ityala lakhe limiselwe umhla wesihlanu kwinyanga ezayo logama yena esagcinwe emapoliseni.

Usuku lukaNokuthula lonmngcwabo alukabekwa okwangoku.