‘Thabath’ uTEBA umithisile!’

Kule mihla yokuqhaqheka kwezimilo isikhalo sinye kubazali, kumaxhego, kumaxhegokazi, kumaziko empilo, kumaziko entlalo-ntle, kwizindlu zomthetho nakwimibutho yentlalo jikelele, seso sokungakhathali komlisela.

Eyona nto idl`umzi ngamadoda angafuni kuthabatha xanduva ngenzala yawo. Oyena ndaba-mlonyeni ngootata abafedayo ekudlaleni indima yokuba ngabazali abangumzekelo omhle kubantwana babo. Kazi yhini na le!

Anazi kusini na nto zakuthi ukuba ukungabikho kukatata ebomini nasempilweni yentsapho yakhe kunefuthe elingelihle kwindlela abantwana abo bakhula ngayo?

Nindive kakuhle, andithi iintsana ezikhuliswe ngoomama bodwa azigqibelelenga, koko ndithi igalelo likatata kwindlela abakhula nabaphila ngayo abo bantwana liyadingeka kwaye liba nefuthe elibalulekileyo nelixolisayo kubantwana, kubazalikazi nakwisizwe siphela.

Masiyiqonde kakuhle nto zoobawo ukuba le meko intsha igqubayo yokunyamalala kootata kubomi babantwana babo ayibukeki kwaye ilinyala kumzi ontsundu.

Bambi kwaba tata babambelela kubuxoki bobuqotha-qikili bokuba xa bengasekho kunye noonina babantwana, mhlawumbi ngenxa yoqhawulo-mtshato okanye ngesizathu sokuba abantwana abo bezelwe ngenxa yokuphazama okwakuhamba nentlondi yobutsha, kube kudlaliswene qatha kungekatshatwa, oko kusisizathu esibambekayo sokuba abo bantwana bangananzwa ngooyise okanye ooyise bangadlali nengakanani indima ekubakhuliseni.

Obu ke zidwesha zakuthi, madoda akowethu, makwedini endlu entsundu, bubuxoki nobuvuvu bobumenemene obungenanto yakwenza nesidima sakowethu, isidima sobudoda kwaNtu!

Kaloku thina sikhula kusithiwa mhla kwafika ityala lokophulwa kwebele lentombi kanantsi, lisophulwa ngumfana wasemathileni, ngoko nangoko ikhaya lomfana belihlawula inkomo yesihewula ukunika intlonipho kwikhaya lentombi leyo.

Okulandelayo kukubizwa komfana lo uza kuba nguyise womntwana, ayalelwe ukuba intombi leyo iza kuzala umtwana wegazi lalo mzi, kumele ihlonitshwe ngokuthi izekwe kwaye umntwana lowo afumane inkxaso nesihoyo kuyise lowo nekhaya lakhe. Uyise womfana kuquka nooyisekazi bakhe, bebelikhupha litsole ilizwi lokuba nanjengoko umfana eza kuba ngumzali, kumele aqalise ukusebenza ukuze inzala yakhe ingalali ngendlala ebomvu, akwazi nokubuyisa nezo nkomo zesihewula zihlawulwe kulontombi.

Oku bekufundisa abafana bakowethu ukuba xa bedlala neentombi, bahlabe bekhangele, kwaye bazi mhlophe ukuba ukuzala kuhamba noxanduva, hayi le mfitshi-mfitshi yokuswela inkathalo kwamadoda ezele siyibona kule mihla.

Ilizwi elingafihlisiyo nelingahloniphiyo beliphuma kuyise womfana owenze nzima intombi kanantsi lisithi, “thath`uTEBA umithisile kwedini!” UTEBA lo sisishunqulelo segama lequmrhu yengqesho yezwekazi le-Afrika (The Employment Bureau of Africa ngolwasemzini) yaloo maxesha, qumrhu elo lalithumela oonozakuzaku baze kurhwebesha baze balobe oonyana bomzi ontsundu ukuze baye kusebenza kwimigodi yegolide neyedayimani kwiindawo ezifana neRhawuti; eWelkom naseKhimbali. Rhoqo kwisithuba sikanyanga-ntathu kwiindawo ezihlala umzi ontsundu, bebefika ooduladula noololiwe behamba nala magosa kaTEBA beze kulanda abo babe nethamsanqa lokufumana ingqesho.

Lo TEBA ke kwidolophu nganye ekufuphi neendawo zethu bantu bantsundu, wayeba nee-ofisi ekubhaliselwa kuzo abantu kwaye bekwahlolwa kwakwezo ofisi ukuba impilo yabo intle ngokwaneleyo na ukuze babe nokusebenza emigodini.

Abafana bakwaXhosa bebephuma nkalo zonke zalapha kowethu, besiya kusebenzela abazali, besiya kusebenzela amakhaya, besiya kusebenzela iintsana zabo ukuze umzi ungasweli sidima nasihomo, ukuze kuqumeke nehlazo elehla mhla isizwe satshabalalisa imfuyo nolimo ngelikaNongqawuse kaMhlakaza! Bebesiya kusebenzela elo qhosha lingenantunja labonwa nguNtsikana kaGabha, ukuze kulalwe kudliwe.

Ayesenjenjalo ke amadoda nabafana bale ndlu kaNkosiyamntu, hayi aba natyhofithi bamagruxu abangooxhaph`imiphanda abaxuxuzelelwa zizisu ezithe mpu ngudlomdlayo, babe phofu bengenalo nofifi lokuba zona iintsana zabo kwanabazali babo balala betye ntoni na!

Abafana bakwantu ababenesidima nothando lweentsapho wawubabona bephuma kwelo laseMount Fletcher kwelamaHlubi nabeSotho; aphume namaBhaca nabaNtlangwini ngaseMzimkhulu naseMount Frere; aphume amaXesibe kwelaseMount Ayliff; aphume amaMpondo eBizana; eFlagstaff, eLusikisiki, eSajonisi naseLibode; aphume amaMpondomise akuQumbu nakuTsolo; alandele amaBomvana aseXhorha naseMqanduli; benjenjalo abaThembu eNgcobo, eCala; kuCofimvaba naseMthatha; angenelele amaGcaleka akhomkhulu eDutywa, kuGatyana nakuCentane; angashiyeki namaMfengu kwelo laseGcuwa; eNgqamakhwe, eHeshele, eNgqushwa naseTsomo; nango ephuma ngobuninzi namaXhosa omneno Nciba kwelikaRharhabe, kwaNgqika; kwaNdlambe; kwelamaGqunukhwebe; kwelikaMaqoma; kwelikaTyhali; kwelikaDondashe ugqithe iNxuba uye kuma ngeBhayi neQhagqiwa! Ayephuma onke amaXhos`akowethu ukuze aye kusebenzela isidima somzi, nangaphezulu, ukuze akwazi ukondla iintsana zawo.

Abo ke yayingootata bokulunga, ootata abangumzekelo, ingamadoda okwenene, ingamadoda ndo-ndo-ndo!

Asekho loo madoda nanamhlanje, nto nje agqunywa lelo gquba lingangakhathaliyo neleyelisela isizwe emhadini! Uphele uweva amaxhego encwinela ezantsi esithi, “Kwekhu, amadoda awekho, kodwa amadoda akhona!”